Ngumbhaleli Wethu| 27 Eyekhala 2025
EZASTRON – Indoda eminyaka ingamashumi amathathu ananye (31), nengummi wangaphandle kweli inqakulwe yavalelwa ngabakwantsasana. Oku kusemva kophango kwigaraji yamafutha eZastron kwiphondo laseFreystata, ngeCawe, umhla we-27 kule yeKhala 2025.
Kusolwa ukuba amadoda amathathu angaziwayo angene kwivenkile ekulegaraji ezenza abathengi. Kungekudala emva koko, omnye kubo ubuyele ngaphakathi ephethe umpu waze wagrogrisa umqeshwa. Akudlulanga mizuzu ingaphi, abanye ababini bangena nabo bexhobile baza bayalela abasebenzi ukuba balale phantsi. Ze emva koko, baphanga imali ezithilini baze bathabatha izinto ezithengiswayo evenkileni.
Kwixeshana nje elifutshane emva kwesiganeko, umkhankaso obusebenzisana neCrime Intelligence, Zastron Visible Policing, kunye nabacuphi uphumelele ekubanjweni kwendoda enye. Amapolisa akwazile ukufumana iimipu emithathu engekho mthethweni kunye nezinto ekukrokrelwa ukuba zibiwe.
Iziphumo zokuhlolwa kwemipu leyo ziya kwenziwa ukukhangela ukuba ziye zasetyenziswa kwezinye izigrogriso kusini.
Uphando liyaqhuba.
@icamagu