Ezivela kuMhleli

turned on gold iphone 6 07 March 2024 NguLulama Mpahla

Ukusebenzisa amaqonga ezonxibelelwano yinto yemihla ngemihla kwihlabathi liphela. Ngokwenkcukacha manani ezikhutshwe yinkampani iGlobal Data and Statistics ukuza kuthi ga ngoku kulonyaka ka 2024 yi-5.17 billion yenani labantu kwihlabathi abasebenzisa amaqonga ezonxibelelwano nekulinganiselwa ngaphezu kwamashumi amathandathu anesithathu ekhulwini 63.82% lenani la bantu kwihlabathi liphela.

Ukanti iqonga uFacebook lelona lihamba phambili ngokuba nabona balandeli baninzi abaqikelelwa ngaphezu kwe 3.05 billion. Ngaphandle kwamathandabuzo uluntu luzincamathisele kumaqonga ezonxibelelwano. Ngoku, endizibuza yona kukuba ingaba abantu bangaba sakwazi na ukuphila ngaphandle kwalamaqona. Asinakuyikhanyela eyokuba la maqonga adlala indima enkulu ekuchitheni isizungu, ukufundisa, ukuyolisa, ukuthoba intliziyo njalo-nalo. Ingaba kengoko uluntu lukulungele ukuphila ngaphandle kwalamaqonga?

Ngomhla wesithandathu kweyo-Kwindla iqonga uFacebook likhe lachatshazelwa yimeko yokuxinga konxibelelwano phakathi kwalenkonzo nabasebenzisi bayo. Oluphazamiseko luthathe kangange yure ezimbini kwaye uninzi luvakalise umsindo walo kamva bambi bechaza ilahleko abaye bayifumana ngenxa yalomaginxigxi. UFacebook uye wathumela umyalezo kamva exolisa ngesi sehlo.

Recommended

Welcome Back!

Login to your account below

Create New Account!

Fill the forms below to register

Retrieve your password

Please enter your username or email address to reset your password.