Umbhaleli wethu, Umfanekiso: GCIS
ePitoli – UMongameli uCyril Ramaphosa uchonge uMphathiswa wezeMandla, uMnu Gwede Mantashe, njenge bambela-mongameli eMzantsi Afrika kwakhona.
Eli nyathelo umongameli ulenze emva kotyelelo lwaxeshanye lwakhe kunye noSekela Mongameli uPaul Mashatile, kumazwe aseMelika naseFransi. Oka Ramaphosa useMelika ngeli lixa usekela mongameli uMashatile ejolise kwilizwe laseFransi.
Ngoko ke, uMphathiswa uMantashe uzakusebenza njengebambela kude kube sekubuyeni kukaMongameli nesekela lakhe.
— @icamagunews.