NguLulama kaSozathini, Intatheli ye Icamagu News, Umfanekiso: Uthunyelwe
GQEBERHA – Ilifu elimnyama ligubungele uluntu emva kwengozi embi yemoto ethathe ubomi babantu abasixhenxe (7) ngeCawe emalanga, umhla we-5 kuTshazimpuzi 2026.
Le ngozi ibuhlungu yenzeke malunga nentsimbi yesithathu emalanga (15h00) kwindlela iM17 phakathi kweKwaZakhele neMotherwell, nto leyo eshiye iintsapho kunye noluntu lothukile.
Ngokwengxelo, le ngozi ibibandakanya imoto encinci uhlobo lweRenault Triber ebithwele abantu abasixhenxe kunye nelori ethwala imanganese. Imoto ebithwele amadoda amathathu nabafazi abane ibihamba isuka eKwaZakhele isiya eMotherwell xa idibene ngqo nelori ebisuka kwicala elichaseneyo.
Amapolisa kunye neenkonzo zoncedo olungxamisekileyo afike kwangethuba kwindawo yengozi, kodwa ngelishwa bonke abantu abasixhenxe ababekhwele kwiRenault Triber bafunyenwe beswelekile apho kanye. Umqhubi welori yena usindile, waza wanyangwa ngenxa yokothuka.
UMphathiswa wezoThutho kwiPhondo leMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uvakalise intlungu enzulu ngesi sehlo, esichaze njengelahleko ebuhlungu yobomi. Uthumele amazwi entuthuzelo kwiintsapho nezihlobo zabaswelekileyo ngeli xesha linzima.
Amapolisa aqinisekisile ukuba unobangela wale ngozi usaphandwa. Kuvulwe ityala lokubulala ngokungakhathali (culpable homicide) kwisikhululo samapolisa eSwartkops, njengoko kuphandwa ukuba kwenzeke ntoni na.
Amalungu oluntu acele ukomelezwa kwemikhankaso yokhuseleko ezindleleni, ekhuthaza abaqhubi ukuba baqhube ngononophelo nangesidima ukuze kuthintelwe iingozi ezifana nale.
Ikhutshwe: 06 Tshazimpuzi 2026














