NguLulama kaSozathini
UNcumisa Soci (31) wakwilali iCumakala eCacadu eMpuma Kapa, udutyulwe wabhubha ngumalume wakhe ngenxa yenyama yenkukhu.
Ngokwengxelo ekhutshwe likhaya ithi kwiveki ephelileyo kubhaqwe lo wasetyhini edada echibini legazi. Emva kophando nokufuna iincukacha nonobangela wokwenzekileyo, kuvele ukuba uninalume nguye ombuleleyo. Iingxelo zithi ingxwabangxwaba idalwe yinyama yenkukhu exhelwe ngumfikazi waze wayipheka. Abosapho bathi umalume wentombi le ube engumntu ongawutyiyo umleqwa ngenxa yempilo, kwaye ebezithandela iinkukhu ezikhencezisiweyo zasezivenkileni.
Indaba yalenkukhu idale umsindo nengqumbo kuninalume walentwazana, nanjengamntu ongayityiyo inkukhu exheliweyo. Umalume uye wathulula ngeembumbulu kumtshana lo wakhe lahlanza iselwa ngoko nangoko. Sithetha nje umalume useziseleni kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi yaseCacadu ngomhla weshumi (10th) kule yeSilimela (June) ukuya kwenza isicelo sebheyile.