5 eyeNkanga 2025 Pic Graphics: Icamagu Studios
I-South African Cabin Crew Association (SACCA) ithi iza kuya kwiKomishoni yezeMisebenzi nezoXolelwaniso (CCMA) ukufumana isatifikethi esisemthethweni sokuqhuba uqhanqalazo eFlySafair, emva kokuba izithethi zabasebenzi zingavumelananga nomqeshi malunga nonyuso mivuzo.
Oku kulandela indibano phakathi kwalamaqela amabini emva kokuba inkampani ithathe isigqibo sokuvalela ngaphandle abasebenzi (cabin crew), ngenxa yokungavisisani malunga nemivuzo.
I-SACCA ithi yamkele isivumelwano seminyaka emine esiphakathi kweepesenti ezi-6 ukuya kwezi-7, kodwa inkampani yafaka kwezo mvumelwano ezinye izibonelelo ezingezizo zemali, ezingazange zixoxwe.
Ngeli xesha, iFlySafair nayo ithi iza kubhenela kwiCCMA phantsi kweCandelo 150 loMthetho wezeBudlelwane phakathi kwabaSebenzi nabaQeshi, ukuze kube nokumanyaniswa kwezimvo ngentsebenziswano.
I-SACCA, esimele i-62% yabasebenzi abangama-800 eFlySafair, ithi iye yanyamezela iinyanga ezininzi zeengxoxo zomvuzo. Umbutho waqala efuna ukonyuswa nge-15%, kodwa kamva wathoba iimfuno zawo wamkela isindululo seminyaka emine – esiquka ukunyuswa kwe-6% kunyaka wokuqala kunye ne-6.9% kunyaka wesine.
UMongameli we-SACCA, uMnu. Christopher Shabangu, utyhola inkampani ngokuxoxa “ngokunganyanisekanga”.
“Kubalulekile ukuthi sicacise. Asikabambi sityala. Abasebenzi bethu abaqhankqalazanga — inkampani yiyo ebavalele ngaphandle. Kusekho imiba ethile ekusafuneka ungenelelo lweSebe lezeMisebenzi, njengexesha lokutya, iiyure ezongezelelweyo, umvuzo weCawa, ukwenzakala emsebenzini, kunye nemiba yokukhulelwa okanye ikhefu lokubeleka,” utshilo uShabangu.
Umbutho uthi ukuvalelwa ngaphandle kwecabin crew ngexesha lengxoxo zomvuzo bekusisenzo sokuboyikisa abasebenzi. I-SACCA ithi ngoku iza kugqibezela imigaqo yokupiketha, kwaye ilindele ukufumana isatifikethi sokuqhuba uqhanqalazo ngoLwesine.
“Siza kuba nomhla nge-6 kweyeNkanga, apho siza kuxoxa ngemimandla esiza kupiketha kuyo. Emva koko iCCMA iza kukhupha isatifikethi sokungazixazululi iingxoxo, nto leyo eya kuvula indlela yokuqhuba uqhanqalazo,” utshilo uShabangu.
Ukuma komsebenzi kulindeleke ukuba kuchaphazele iindawo ezininzi zokubhabha eziphambili. Nangona kunjalo, e-OR Tambo International Airport, inkonzo ibiqhuba ngesiqhelo, neFlySafair isithi yenza amanyathelo angxamisekileyo kwaye ayilindelanga kurhoxiswa kweenqwelo ntaka.
Inkampani ithe ikhuphe umnikelo wayo wokulinganisela, kwaye nayo iye kwiCCMA ukuze kufunyanwe isisombululo.
UKirby Gordon waseFlySafair uthe:
“Sikhona isindululo seminyaka emininzi esisetafileni, kwaye siye safaka isicelo phantsi kweCandelo 150 kwiCCMA ukuze kuqhutyekwe ngoxolelwaniso ngokukhawuleza. Ingxoxo ephambili isemivuzweni, kwaye kukho izinto ezithile ezifunekayo ukuba zichazwe liSebe lezeMisebenzi ukuze kuqinisekiswe ukuba kusetyenziswa umthetho ngokuchanekileyo.”
Abahambi abaninzi bathe banethemba lokuba ingxoxo iya kusombululeka ngokukhawuleza, ngakumbi njengoko kusondela ixesha leeholide kunye neNgqungquthela yeG20.
Omnye umhambi uthe:
“Ndivela eJapan namhlanje, ndifumene isaziso sokuba kukho imiba ngeFlySafair. Ndinethemba lokuba akukho ngxaki izakubakho.”
Omnye wongeze wathi:
“Ngamanye amaxesha lixesha leeholide, kufuneka sihlale silumkile ngezinto ezinjalo. Kubalulekile ukwenza yonke into ngothando kuba abantu abahlukeneyo beza kwi-airport.”
Ngokwengxelo, iSebe lezeMisebenzi kulindeleke ukuba libandakanyeke ngakumbi ekuhlalutyeni izibonelelo ezingezizo zemali ukuze kuqinisekiswe ukuba ziyahambelana noMthetho wezoBudlelwane.
📰 Umbhali: Lulama kaSozathini
Iindaba zaseMzantsi Afrika – Umhla: 5 kweyeNkanga 2025














