10 EyoKwindla 2024
Umfanekiso: Uthunyelwe
ESoshanguve, kwingingqi yaseTshwane (ePitoli) amapolisa afumene imikhono yekati emibini engekho semthethweni kwindlu yomrhanelwa ekukholelwa ukuba yinkuntsela yomguvela obhalisa izithuthi ezibiweyo neziqweqwedisiweyo. Amapolisa aye ahletyelwa ngoontamnani ngalendoda.
Ibutho lamapolisa liye lambhonzeleka kulendlu lingabhungisanga laze labhaqa imipu emibini, iimagazini, amaphepha-mvume ezithuthi kunye nezatifikithe zematriki yomgunyathi. Ukanti iibhatyi zisagcwele umoya kulo mrhanelwa ngeli lixa amapolisa nawo ese zithendeni zakhe.