*****eMpuma Koloni**Ibhalwe nguLulama kaSozathini*
Amapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) eMpuma Kapa akhuphe ingxelo ebuhlungu malunga nodubulo olwenzeke eNtabankulu Primary School ngomhla wama-22 kuJanuwari 2026, nolushiye uluntu lwesikolo salommandla lothukile.
Ngovelwano olukhulu, iSAPS iqinisekise ukubhubha kotitshala wesithathu nowadutyulwa kweso siganeko. Lo titshala wasetyhini ubhubhe ngelixa ebethuthwa nge-ambulensi esiya kwisibhedlele saseMthatha. Ngokwengxelo yamapolisa, abasebenzi be-ambulensi banyanzelekile ukuba baphambukele kwisibhedlele saseMadzikane emva kokuba imeko yakhe yezempilo iye yaba mandundu, nalapho ugqirha athe wamazisa njengo swelekileyo.Oku kunyuse layokutsho kwisithathu inani lootitshala abadutyulwe babhubha kolo hlaselo. Bonke bebengootitshala basetyhini abasebenza kwesi sikolo. Amagama abo azakubhengezwa emva kokuba iintsapho zabo zazisiwe ngokusesikweni.
Umrhanelwa, oyindoda nowayengutitshala kwesi sikolo ngaphambili, naye uye wabhengezwa njengoswelekileyo kwindawo yesiganeko. Kuthiwa lo mrhanelwa wagxothwa emsebenzini ngo-2023 emva kokujongana nezityholo zokuxhaphaza ngokwesondo, nalapho waye wakhululwa ngebheyile. Ngoku amapolisa aqhuba uphando kulamatyala alandelayo:– Amatyala amathathu (3) okubulala– Ityala elinye (1) lokukhangela undonakele (inquest). Uphando malunga neemeko ezipheleleyo zale ntlekele luyaqhubeka.














