NguLulama kaSozathni, Thembekile Totana noOkuhle Molose
29 uCanzibe 2024
Yinyambalala yabemi beli abephume ngendlu besiya kwizitishi zovoto ukuya kubeka uphawo kwiqela abalonyulayo ukuba libamele. Izitishi zovoto bezibekelwe ukuba zivule kwakusasa ngentsimbi yesixhenxe. Kodwa ngokwengxelo ekhutshwe yikomishoni yonyulo ephondweni zingamashumi mathathu anesibini (32) izitishi ezingakwazanga ukuvula ngexesha. Izitishi ezimbini eNtabankulu zivulwe emva kwemini ngenxa yoqhanqalazo lwabahlali. Intloko yonyulo kwiphondo uNkosikazi Khayakazi Magudumana uthe olubambezelo ludalwe kukubeka phantsi kwamagosa ekomishoni, ngenxa yoyokugrogriswa ngabahlali abanezikhalazo ngakuRhulumente.
OkaMagudmana uthe kuye kwanyanzeleka ukuba kuthathwe amagosa esebe lezamapolisa naqeqeshelwe ukwazi ukusingatha iimeko zonyulo ukuba angenelele. Okuqinisekileyo kukuba abahlali basamile kuqhankqalazo lwabo nesigqibo sokungafuni ukuvota, kodwa nangona kunjalo okaMagudumana uqinisekisile ukuba ezi zitishi zichaphazelekayo ziyakuhlala zivuliwe ngokomgaqo wonyulo. Unxibelelwano phakathi kwekomishoni yonyulo yephondo namagosa amele imibutho oko luhleli lukhona kuzo zonke ezi ziganeko “uqhube watsho okaMagudumana.
Ukanti inkokheli yombutho iUnited Democratic Movement (UDM) uNjengele Bantubonke Holomisa walelwe ukuvota kwisikhululo esikwiholo yedolophu yaseMthatha emveni kokuba igama lakhe lingaveli kuluhlu lwabavoti. Le nkokheli nebi bonakala ingonelisekanga ayivumanga ukuthetha nonondaba bethu. Iqela iActionSA ephondweni nalo likhale ngokungaveli kwabantu kuluhlu lokuvota. UNkosikazi Nongoma Mtitshana osisithethi salombutho ephondweni uthe zonke izikhalazo abanazo ngalomba bazithumele kwikomsihosni yonyulo kwaye ithembisile ngokuza nesi sombululo.
Ukanti uMongameli weAfrican Transformation Movement (ATM) uMnu Vuyo Zungula uthe uxolile yindlela unyulo oluqhube ngayo kwaye unethemba lokuba umbutho wakhe uzakwenza ngcono kunelixa elidlulileyo. OkaZungula ebethetha ngexesha ebetyelele iziko lobalo ziphumo zonyulo eMonti. OkaZungula uthe iqela lakhe noko ngoku liyaziwa ngabantu kunamhla lalisekwa kwaye eso sesona sizathu esibangela ukuba azingombe isifuba ngethemba lokuphumelela iivoti zabemi beli.
Kulindeleke ukuba izitishi zovoto zivalwe ngokuhlwa nje ngentsimbi yesithoba ze kuqaliswe ukubalwa.