NguLulama kaSozathini – Icamagu News Editor Umfanekiso: BCMM
IBuffalo City Metropolitan Municipality ibhengeze utshintsho olukhulu kwiKomiti yolawulo lweSixeko (Mayoral Committee) ngenjongo yokuqinisa ulawulo nokukhawulezisa ukunikezelwa kweenkonzo kuluntu.
USodolophu oLawulayo wesixeko, uCeba uPrincess Faku, ubhengeze olu tshintsho ngexesha lentetho yakhe e-East London City Hall ngoLwesibini.
USodolophu uthe olu hlengahlengiso luyinxalenye yeenzame zokulungelelanisa ubunkokeli besixeko nezinto eziphambili kumasipala, kwakunye nokuphucula ukusebenza kweziko lolawulo phambi konyulo loomasipala oluzayo.
“Eli nyathelo lingenela ukusombulula imingeni esihlala sijongene nayo kwaye liqinisekisa ukuba umasipala ukulungele ngcono ukunikezela iinkonzo kubahlali bethu,” utshilo uFaku.
IKomiti yolawulo lweSixeko ehlaziyiweyo iza kujongana namasebe abalulekileyo aquka iziseko zophuhliso, ezemali, izindlu kunye nophuhliso loqoqosho lwengingqi.
Amalungu amatsha anyuliweyo aquka:
- Ucwangciso lweNdawo (Spatial Planning): Cde Zininzi Mtyingizane
- Ukuhlaliswa koLuntu (Human Settlements): Cde Sakhumzi Caga
- Ukhuseleko loLuntu neeNkonzo eziNgxamisekileyo (Public Safety and Emergency Services): Cde Afrika Maxongo
- IiArhente zoPhuhliso loQoqosho lwengingqi (Local Economic Development Agencies): Cde Amanda Mnyute
- Ezemidlalo, Ukuzonwabisa noPhuhliso loLuntu (Sport, Recreation and Community Development): Cde Amanda Ralasi
- Iinkonzo zoLawulo (Corporate Services): Cde Bongiwe Sauli
- Ezemali (Finance): Cde Yomelela Tyali
- Iziseko zoPhuhliso noMbane (Infrastructure and Energy): Cde Malibongwe Mfazwe
- Amanzi noGutyulo (Water and Sanitation): Cde Mninawe Nyusile
- Inkunkuma neNdalo (Solid Waste and Environment): Cde Clara Morolong-Yekiso
USodolophu uFaku uthe eli qela litsha liza kumnceda ekuphunyezweni kwezicwangciso zophuhliso lwesixeko. Oku kuquka ukuphucula ukunikezelwa kweenkonzo, ukuzinzisa imeko yezemali kumasipala, kunye nokuxhasa ukukhula koqoqosho lwengingqi.
Uthe ulindele ukuba amalungu ekomiti asebenze ngokubambisana ukuze aqinisekise ukuba izicwangciso zesixeko ziguqulelwa kwiziphumo ezibonakalayo kubahlali baseBuffalo City.














