NguSisanda Jack
Ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nokwanda kweziganeko zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana. Kutsha nje uSekela Mongameli welizwe uMnu Paul Mashatile uphehlelele iphulo lwentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwisana nokuxhatshazwa kwamanina nabantwana. OkaMashatile wamamezela uluntu ukuba luncedisane noRhulumente ekulweni neziganeko zoxhaphazo lwamanina nabantwana nekusele kufuna ukuba sisiqhelo.
Kwilali yaseGqunqe, eMcelwane kuCentane kubhubhe inkondekazi eminyaka ingamashumi asibhozo anesithandathu (86) kunye nabazukulwana bayo abaphakathi kweminyaka emihlanu (5) kunye neshumi elinesibini (12). Esi sithathu sibhubhe ngomlilo emva kokuntunyekwa kwekhaya labo ngokuhlwa kwangoMvulo umhla wesibini (2) kweyoMnga 2024. Iingxelo zithi ngoMvulo malunga nentsimbi yeshumi elinesibini ebusuku, amapolisa aye abizelwa kwindawo apho bekusitsha ikhaya kwilali yaseMcelwane kuCentane, eMpuma Kapa.
Uphando luveze ukuba ngaphambi kwesi sihelegu bekukho isiganeko sodlwengulo kwakulo elikhaya. Iingxelo ziqhuba zithi ngexesha ikhaya eli livutha ngumlilo ixhoba beliyokufuna uncedo. Kwisithuba seeyure ezingephi ilali iye yaphuma iphulo ukukhangela umrhanelwa nekutyholwa ukuba ngunonbangela wezi zihelegu. Kuvakalwa ukuba umrhanelwa uye wabanjwa kwaye ubalekilselwe esibhedlele emva kokutywatyusha kwinto ekholelwa njengempindezelo yabahlali kodwa akukho ngxelo ziqinisekisiweyo. Umrhanelwa uye wabhubhela esibhedlele emva kwezo zivubeko zokungonjwa kanobom.
@icamagunews