Kwisibhengezo esingxamisekileyo esithunyelwe ePalamente, iqela lamagqwetha kaVusimuzi “Cat” Matlala licele ukurhoxiswa kwangoko kokubonakala kwakhe phambi kweKomiti ye-Ad Hoc, lisithi ukuvalelwa kwakhe entolongweni yaseC Max kuchaphazelr kakhulu imeko yakhe yengqondo kunye nokukwazi kwakhe ukuthatha inxaxheba.
Kwimbhalelwano evela kwaMadira Attorneys, amagqwetha athi ukuthetha nalo kaMadlala kungumngeni omkhulu” ngenxa yenkonzo yenethiwekhi embi kunye nokungabikho kwezixhobo ezifanelekileyo entolongweni. Bathi oku kwenze ukuba kubenzima ukuvela kwakhe kule komiti. Amagqwetha akwatyhile inkxalabo enzulu ngakumbi kwimeko yezempilo kaMatlala nanjengoko iya isiba mandundu. “Ngexesha sithetha noMnumzana Matlala izolo, siqaphele ukuba kukho ukungangqamani kwezinto azitshoyo “atshilo amagqwetha.
Nangona iqela lakhe lezomthetho liqinisekisa ukuba uMatlala uzimisele ngokupheleleyo ukusebenzisana nekhomishini, lithi uthatha inxaxheba kwakhe kuya kuba nentsingiselo kuphela emva kokuba kukho ithuba elaneleyo lokubonisana kakuhle. Amagqwetha afuna isiqinisekiso esibhaliweyo namhlanje esiqinisekisa ukurhoxiswa kwenkqubo; kungenjalo, baza kufaka isicelo esingxamisekileyo sokuyimisa.














