NguLulama kaSozathini
Iimifanekiso: SAPS
UMkomishinala jikelele wamapolisa uGeneral Fannie Masemola uthi amapolisa asekhondweni labarhanelwa ababulele isithandathu samalungu ezokhuseleko lwasekuhlaleni kwilali yaseGodini kuQumbu eMpuma-Kapa ngobusuku bangeCawe umhla wesithandathu kweyeDwarha. Ukanti oluhlaselo lukwashiye neengxwelerha ezine nekungoku ezifumana unyango kwisibhedlele esikufutshane.
UMkomishinala ukuthethe oku ngethuba ebetyelele indawo yexhwayela ngemva kwemini yangoMvulo kwisikolo iLugongozo Senior Secondary nalapho sibulawelwe khona esi sithandathu ngethuba sibambe umhlangano. Igqiza elikhethekileyo labaphandi lisezithendeni zabarhanelwa kwaye kuzakubanjwa abantu kungekudala. Uphando lukekelela ngakubiwo lwemfuyo olugqubayo kulo mandla neelali ezingqongileyo “utshilo okaMasemola”.

okaMasemola ukwadandalazise ukuba uphando ngokubulawa kweshumi elinesibhozo (18) sabantu eLusikisiki kwiveki ephelileyo luqhuba kakuhle kwaye sele likudidi oluphezulu. UMkomishinala ukwathethe namanye amalungu eqonga lokhuseleko lwasekuhlaleni ngaphandle kwamasango esikolo eso nekuquka abasindileyo kulenquleqhu yangobusuku bangeCawe.
Iinzame zoluntu ekuzikhuseleni zifumana inkxaso engagungqiyo kwinkonzo yesipolisa. Kodwa ukuthathela umthetho ezandleni akusiso isisombululo “ulebele watsho okaMasemola”.
@icamagunews