IKhomishini kaMadlanga ixelelwa ukuba umphathi wamapolisa eKZN wayefuna ulwazi ngesinye sezikhuli zamapolisa uShadrack Sibiya
27 Eyomqungu 2026 | NguLulama kaSozathini
INtloko yeeHawks eKwaZulu-Natal, uMaj-Gen Lesetja Senona, uxelele ikhomishini kaMadlanga ukuba uLt-Gen Nhlanhla Mkhwanazi, ongumphathi wamapolisa ephondweni, wadibana nelungu elityholwayo lekhatheli uVusimusi “Cat” Matlala waza wathembisa ukumisa uphando lwetyala lokuzama ukubulala elalijongene naye.
USenona uthe xa efak’ ubungqina ePitoli, ngomhla we-15 kuTshazimpuzi kunyaka ophelileyo wahamba noMatlala waya kwihotele iPearls of Umhlanga, apho wadibana khona noMkhwanazi. Uthe wahamba naye ukuze amnike inkxaso ngokomoya, kuba emthatha njengomhlobo okanye umntakwabo omncinci.
Uthe nangona engazange abe yinxalenye yencoko yaba babini, weva ezinye iinxalenye zentlanganiso.
“Intlanganiso yacelwa ngowayesakuba nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele, kodwa yena wayengekho. Ngokokukhumbula kwam, uLt-Gen Mkhwanazi wavuma ukunceda uMnu Matlala ngemiyalelo yokuthenga enxulumene nethenda ye-SAPS exabisa iR360 miliyoni awayenayo,” utshilo uSenona.
Uqhubekile wathi, “ULt-Gen Mkhwanazi wasipha iziselo. Emva koko ndeva ukuba wathembisa ngokumisa uphando olwalujongene noMnu Matlala malunga nokuzama ukubulala owayesakuba yintombi yakhe, uTebogo Thobejane, enaniselana ngolwazi noLt-Gen Shadrack Sibiya.”
USibiya, ongusekela-komishinala wesizwe kwezokubhaqwa kolwaphulo-mthetho, wamiswa emsebenzini kunyaka ophelileyo emva kwezityholo ezenziwa ngakuye nguMkhwanazi. Phakathi kwezo zityholo kukuba wafumana izixhobo zokuhlola (spy equipment) ngokungemthetho waza walawula kakubi iifayile zophando ezingama-121 ezinxulumene nokubulawa kwabantu ngezizathu zezopolitiko.
UThobejane wadutyulwa ngo-2023 ngelixa wayehamba nomhlobo wakhe kuN1. Wonzakala unyawo, logama umhlobo wakhe wonzakala kakhulu emqolo, nto leyo eyamshiya esibhedlele iinyanga ezininzi.
Ikomishoni kaMadlanga isaqhuba.














