21 EyoKwindla 2024
NguLulama kaSozathini
Imifanekiso: Lulama Mpahla
EFF ibibambe umyhadala wephondo eMonti nalapho ibizokudakanca imibandela yomqulu wayo wezithembiso kubemi bephondo laseMpuma-Kapa. Ngamawakawaka abalandeli abasuka kwindawo eziliqela zephondo nabathe baba yinkxalenye yalomsitho. Kuvakale intswahla negwijo ngexesha inkumanda yalombutho u-Julius Malema ifika kwibala Buffalo City, irhangqwe nguSekela Mongameli walombutho uFloyd Shivambu, nonoBhala u-Marshal Dlamini kunye namanye amalungu ekomiti ephezulu yalombutho.
Ethetha kulomsitho uMalema uthe kufuneka kujonganwe nqo nobundlobongela okwenkunzi ezimbini. Uthe nasiphi na isikrelemnqa esikhomba amapolisa ngomkhono kwekati kufuneka sazi ukuba iintsuku sazo zibaliwe kwaye sizakunyuswa amafu. Amapolisa mawaziphindezele aqhumise irhuluwa lihlanz’ iselwa kwizikrelemnqa kwaye kufuneka angabi nadyudyu yakwenza oko. Kufuneka kuqinisekiswe ukhuseleko lwamanina kwindawo esihlala kuzo. Abantu mabaphinde bathathele kubo uzinzo kwizitalato zabo – utshilo uMalema. Egqibezela intetho yakhe lo kaMalema uthe abantu mabangavumi ukulahlekiswa ngabo banezinye iinjongo ngoba i-EFF lithemba kuMzantsi Afrika ngako oko abantu basempuma-kapa mabayivotele ukuze baphume entluphekweni.