Ngokubhalwa nguLulama kaSozathini
04 eyeNkanga 2025
UMongameli weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, uMnu. Cyril Ramaphosa, ubhengeze ukonyulwa kwabaLawuli beKomishini yoNyulo ngokuhambelana noMthetho weKhomishini yoNyulo (Icandelo 6), emva kwengcebiso yeNdlu yeSizwe (National Assembly). AbaLawuli baza kusebenza ixesha leminyaka esixhenxe.
UNksz. Joyce Pitso ukhethwe ukuba lilungu elisebenza ixesha elizeleyo kwikhomishini yoNyulo.
UMantyi Dhaya Pillay uza kusebenza njengelungu elisebenza ixesha elingaphelelanga.
UMnu. Mosotho Moepya naye ukhethwe ukuba lilungu elisebenza ixesha elizeleyo kwikhomishini yoNyulo.
NgokweCandelo 8(1) loMthetho weKhomishini yoNyulo, uMongameli Ramaphosa ukwamisile uMnu. Moepya njengo Sihlalo weKhomishini.

UMongameli ubathumele iminqweno emihle abaLawuli abatsha, ebahlonipha ngendima ebalulekileyo abaza kuyidlala ekuqinisekiseni ukuba zonke iinkqubo zonyulo kweli lizwe ziqhutywa ngokunyaniseka, ngokufanelekileyo, nangokuzimeleyo.
@icamagunews














