Igqiza lamapolisa ajongene nokunqanda ulwaphulo mthetho kunye nobuntlola kwezobundlobongela liqhube ugqogqo ngoLwesibini kwindawo yaseThembani eKhayelitsha, eKapa. Olugqogqo belulandela ukubulawa kwabantu kwindawo yase Site C ngomgqibelo umhla wesibhozo kweyeSilimela kulonyaka.
Ngokwesithethi samapolisa uSajini Wesley Twig ngabarhanelwa abalithoba (9) nabaphakathi kweminyaka engamashumi amabini ananye (21) ukuya kwengamashumi amathathu anesibini (32) abaye babanjwa bavalelwa. Ukanti kolugqogqo kufunyenwe iimikhono yekati emibini, uhlobo lombhaxa ozigiqulayo kunye nohlobo lompu oyi 9mm neembumbulu zayo. Amapolisa akwahluthe noonomyayi (cellphones) kubarhanelwa.
Amapolisa akwadize ukuba isithathu kwaba barhanelwa ngongqondongqondo bemigulukudu kumatyala adibene nokunyanzelisa osomashishini ukuba bakhuphe imali yokuzikhusela (Protection Fee). Amapolisa akwakholela ukuba esi sithathu sizakuwancedisa ukusombulula amanye amatyala okubulawa kwabantu ngokwayamene noluhlobo lobundlobongela.
Bobalithoba abarhanelwa babekwe ityala kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kaMantyi yaseKhayelitsha kungekudala.