Libhalwe nguLulama kaSozathini we-Icamagu News
ePitoli – UMongameli weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, wazise ukonyulwa kwamalungu eBhodi yeNational Youth Development Agency (NYDA), ngokwemigaqo yeCandelo 9(1)(a) loMthetho weNYDA ka-2008. La malungu aza kusebenza ixesha leminyaka emithathu, ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga yeThupha ku2025.
I-NYDA yasisekwe njenge arhente phantsi komthetho wePalamente, ngenjongo ephambili yokujongana nemingeni ejongene nolutsha loMzantsi Afrika. Le arhente isebenza njengequmrhu elinye elibambeneyo, eliqhuba imisebenzi yophuhliso lolutsha kuzwelonke, kumaphondo nakumanqanaba orhulumente basekhaya.
UMongameli Ramaphosa unyule aba balandelayo njengeMalungu eBhodi:
- Nksz Kelly Sandra Baloyi
- Nksz Thembisile Precious Mahuwa
- Mnu Bonga Siphesihle Makhanya
- Mnu Sibusiso Makhathini
- Gqr Wiseman Mfaniseni Mbatha
- Gqr Sunshine Minenhle Myende
- Mhl Busisiwe Nandipha Nxumalo
NgokweCandelo 9(5)(a) loMthetho weNYDA, uMongameli ukwadize ukuba uGqr Sunshine Minenhle Myende uya kuba nguSihlalo weBhodi yeNYDA, logama uMnu Bonga Siphesihle Makhanya enziwe uSekela Sihlalo.
UMongameli uthe uvuyela ukuzibophelela kwamalungu eBhodi kwinqubo kazwelonke yokwakha ikamva eliqaqambileyo lolutsha loMzantsi Afrika.
“Ukuzimisela kwabo kuxhasa amaphulo okuxhobisa ulutsha, yinto ebalulekileyo ekwakheni ilizwe elizinzileyo, elinethuba kubo bonke,” utshilo okaRamaphosa.