Ngabarhanelwa abathandathu ababanjiweyo ngokwayamene nokubulawa kwemvumi uKiarnan Jordan Forbes nowaziwa ngo-AKA kunye nomhlobo wakhe uTebello Motsoane nowaziwa ngo-Tibz.
Kukholeleka ukuba omnye wabarhanelwa walandela lemvumi ukusuka kwayo kwisikhululo seenqwelo moya i-King Shaka ngelixa abanye basebenza njenge ntlola ngaphandle nangaphakathi kwendawo leyo yabulawa kuyo lemvumi nomhlobo wayo.
Isine kubathyolwa ngabemi beli ze isibini siphume kwilizwe laseSwatini. kukholelwa ukuba bahlawulwa imali engamakhulu asibhozo amawaka eerandi (R800 000) ukuze babulale lemvumi.