NguLulama kaSozathini
Sele kuzinyanga ezine(4) abahlali baseNcerha neelali ezingqongileyo kuMasipala wesithili saseBuffalo City bengenamanzi. Into evusa umnyele kubahlali balomandla kukungafumani into enesihlahla kuMasipala.
Umama uNowezile Pati wakwaVillage 7 eNcerha yinkondekazi eminyaka ingamashumi asibhozo anesixhenxe (87) nengasakwazi ukuzenzela nto, uvakalise ukuba xa kungoku kunzima namanzi okupheka kwaye sele encedwa kukukhongozela awemvula nakhawuleza aphele. Enye inkonde yakwaVillage 6 eNcerha uBawo Parrafin uthi iimpompo zikhala umoya kwaye nempahla emfutshane iyalimala kukungqongophala kwamanzi.
Ukanti uMasipala ngomhla weshumi kulenyanga yoMdumba wakhupha isibhengezo esaphuma kumakhasi ezonxibelelwano nesasichaza ukugqabhuka kombhobho ochaphazela ukuthululwa kwamanzi kwiindawo zaseNdevana, Ilitha, Ntabozuko, Potsdam, iPhumlani, iNcerha, Kayser’’s Beach neziphaluka. Lompomposho kaMasipala uqhuba uthi ukulungisa lomonakalo kuzakuthatha iintsuku eziliqela nanjengoko amanzi eye ashokoxeka ngenxa yalemeko.
Esi sibhengezo sibenze balugcwabevu ngumsindo abahlali baseNcerha neziphaluka. Ngokwengxelo into eyenza umsindo kubahlali baseNcerha kukuba lompomposho uphuma emva kweenyanga bebehleli bengenawo kakade amanzi. uMnu Mzingaye Madosi nongumhlali waseSunny South eNcerha, uthi esi sibhengezo sivela kuba kuchaphazeleka neendawo zabamhlophe ngaphezu kwalanto urhulumente akanaxesha labo. Le meko inyhasha amalungelo ethu njengabemi beli loMzantsi Afrika, akukho mntu unokuphila iinyanga eziliqela exhomekeke kumanzi emvula kuphela. Safane savota nje “utshilo okaMadosi”.
Uphi uGqampompo? Lowo ngumbuzo wabahlali nabathi ekuqaleni uMasipala ebezenza iinzame zokuthumela izigadla zamanzi ezilalini nangona bezingafikeleli kwiindawo zonke. UNkosikazi Xoliswa Mafestile umhlali waseNcerha uthi uGqampompo ufikela abantu abathile kwaye abahlali bajonga enkalweni angaze afike amanzi. Esidaleni sibone sele kwa abagqampompo bephinda bewathengisa kwalamanzi manye xa sibuza asifumani mpendulo “utsho uMafestile”.
Inzame zethu zokufumana uMasipala ziwe phantsi nanjengoko iofisi yesithethi sikaMasipala iqhubeka nokunganaki imibuzo neminxeba yephephandaba lethu.
@icamagunews