nguLulama ka-Sozathini
Isifo sokhwekhwe esibizwa ngokuba yiMpox nebesisaziwa ngokuba yiMonkey Pox sisifo esathi saqatshelwa ngonyaka ka2022 njenge sinobungozi nesibulalayo.
Iingcali zempilo zithi esi sifo sidalwa yintsholongwane ebizwa ngokuba Monkey Pox (MPXV) nengena ngosuleleko kubantu abasondeleleneyo. Le ntsholongwane ifumaneka ngosuleleko lolusu okanye ukwabelana ngesondo. Isebe leZempilo likwathi abona bantu basemngciphekweni omkhulu kwesi sifo ngabo banentsholongwane kagawulayo i-HIV.
Sithetha nje uMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe achatshazelwe yilentsholongwane kwaye bahlanu (5) abantu abasele befunyenwe benayo. Bathathu (3) abaphuma kwiphondo iKwaZulu Natal ngeli lixa ababini (2) ingaba seGauteng. Ukanti omnye kwabo bephondo iGauteng uye wasweleka.
Umphathiswa wesebe leZempilo uGqirha Joe Phahla wazise onondaba eRhawutini ngoLwesithathu ukuba umfi lo uswelekele kwisibhedlele saseTembisa. Umphathiswa uthe bonke abosulelekileyo baphakathi kweminyaka engamashumi amathathu (30) ukuya kumashumi amathathu anesithoba (39), kwaye ngamadoda ebengakhange abengaphandle kwemida yeli. Oko ke kuyabonisa ukuba lentsholongwane ilapha ngaphakathi “utshilo uMphathiswa”.