Libhalwe nguLulama kaSozathini
Umhla: 25 Eyekhala 2025
EAST LONDON – UMasipala weBuffalo City Metropolitan (BCMM), phantsi kobunkokheli bukaSodolophu uNkosikazi Princess Faku, ubhengeze ukutyunjwa kukaCeba uMninawa Nyusile njengelungu leBhunga lezeMidlalo, uLonwabo noluntu – iMMC yeSport, Recreation and Community Development.
UCeba Nyusile, uzakuthatha esi sihlalo ngokukhawuleza, ungena ezihlangwini zikaCeba Graham Lottering, obekhokele eli sebe phambi kwakhe.
Ngokomlomo kaMasipala, uCeba Nyusile unamava kwezopolitiko, ukhe wadlala indima ebalulekileyo kwimisebenzi yeendibano zabasebenzi. Ukhe waba nguSekela Sihlalo weCosatu kwaye kamva waba nguNobhala wePhondo kumbutho iFood and Allied Workers Union (FAWU), waze kamva wanyukela kwinqanaba lesizwe njengoSekela Nobhala walombutho.
Emva koko, uNyusile wakhethwa njengeLungu lePalamente yaseMpuma Koloni (MPL), apho wakhokela kwiiphothifoliyo ezimbini ezahlukileyo, waza wachitha iminyaka emibini epheleleyo esebenza kwelo ziko.
Ukubuya kwakhe, wajoyina uMasipala weBuffalo City njengoCeba olilungu le-PR (Proportional Representation).
USodolophu uFaku uthumelele uCeba Nyusile iminqweno emihle kule ndima intsha, ethi:
“Sinethemba lokuba amava akhe angqongileyo azakuphucula inkonzo kuluntu lwaseMetro. Sinqwenela ukuba awenze umahluko obonakalayo ekuqinisekiseni ukuba ezemidlalo kunye nophuhliso loluntu zifikelela ebantwini.”
USodolophu ukwabulele uCeba Lottering ngenkonzo yakhe kunye negalelo lakhe kwiminyaka ayichithe esebenza kulo Masipala.
Ugqibe wathi, kubalulekile ukuba iMetro iqinise imgudu yayo yophuhliso lwezemidlalo njengendlela yokwakha uluntu olomeleleyo nolunempilo.
UCeba Nyusile kulindeleke ukuba aqalise umsebenzi wakhe ngoko nangoko.