Umfanekiso: SAPS Archives
15 Tshazimpuzi 2024
Umbhali: NguLulama kaSozathini
Ngabazukulwana ababini kunye nomhlobo abazakuvela kwinkundla kaMantyi yaseCacadu ngalentsasa. Oku kusemva kokubulawa kwenkondekazi eminyaka ingamashumi asixhenxe ananye (71) kwilali yaseZinkampini, Kwindawo ebizwa ngokuba yiCumakala ngaphandle nje kweCacadu.
Le nkondekazi iye yabikwa njengedukileyo ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini kuTshazimpuzi. NgoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu amapolisa aye abizelwa kwindawo apho kubhaqwe umzimba wowasetyhini ungcwatywe kwingcwaba alingekho nzulu kwisitiya sakhe.
Uphando luye lwakhokelela ekubanjweni kwabazukulwana ababini omnye oneminyaka engamshumi mabini ananye (21) nowesibini ominyaka ingamshumi mabini anesixhene (27) kunye nomhlobo wabo ominyaka ingachazwanga. Uphando nzulu lusaqhuba.