NguSisanda Jack
Inyanga yethupha yinyanga eye inike ingqwalasela kwimiba echaphazela amanina ingakumbi umba wodushe olujoliswe kumanina nabantwana. Ibutho lamapolisa elijongene nemiba engundoqo nelaziwa ngooKhetshe (Hawks) lithi liqhuba amaphulo abhekisele kubantu abatsha ukubafundisa ngonaniselwano kwanokuxhwilwa kwabantu.
Oku kuvele kumsitho obuququzelelwa sisikhululo Icamagu Radio kunye nenkonzo yesipolisa yaseKidds Beach ngenjongo zokufundisa ulutsha lwezikolo ngezinto eziliqela kuquka iziyobisi, unaniselwano ngabantu, kunye nodushe ngakumanina nabantwana. Lo msitho ububanjelwe kwisikolo iSt Christopher eMchantsi ngoMvulo. Â Isithethi soKhetshe ephondweni uWarrant Office Mhlakuvana ubongoze amanina asematsha ukuba aqwalasele indlela oonqevu abazisebenzisa kumaqonga ezonxibelelwano ukuzama ukubalahlekisa ngeenjongo zokubaxhwila. Lo kaMhlakuvana uthe ulutsha maluqwalasele nangakumbi abantu abazenza i-arhente zokucondoba (oonobuhle) nabathembisa ngokunika abantu iimisebenzi nanjengoko iziganeko ezininzi zokuxhilwa nonaniselwano zenzeka oluhlobo.
Ukanti kwakulomsitho ixhoba lonaniselwano UNolusindiso Sindi Thenge waseMdantsane ubalise ngendlela awahlukumezeka ngayo emveni kokuba wathi waxhilwa ngabemi bangaphandle emveni kokumfakela isidodobalisi kwisiselo sakhe. uThenge uthi imeko yakhe ebuhlungu yokuxhatshazwa yabangela ukuba aphele ethengisa ngomzimba, kungako efundisa ulutsha ukuze lungagaxeleki kwimeko efana neyakhe. Ukanti lomsitho ubukwazinyiswa ligunya bantu lezotshutshiso kunye nemibutho yasekuhleleni.
@icamagunews