NguLulama kaSozathini, Umfanekiso: GCIS
IPhalamente iyalele uSekela Mongameli uPaul Mashatile ukuba ahlawule imali eyi-R10,000 ngenxa yokungakhankanyi isipho sedayimani esasivela kumrhwebi uLouis Liebenberg sisiya kumfazi wakhe.
UMashatile akazange asichaze esi sipho kwinxalenye eyimfihlo yobhaliso lwakhe lwezinto aziphiweyo okanye anomdla kuzo ngokwezoqoqosho.
IKomiti yeMithetho yePhalamende, ngokusebenzisa iofisi yokushicilela izipho, yafumana isikhalazo esisemthethweni ngomhla wesihlanu (5) Kweyokwindla 2025, malunga nokophula uMthetho wokuziphatha kunye nemigaqo yamalungu ePalamente.
Isolotya 13(3)(f) lale migaqo lithi amalungu ePalamente kufuneka azidandalazise elubala izipho azifumana ngelixa engamalungu endlu yowiso-mthetho.
Emva kokuba ikomiti ithathele ingqalelo isikhalazo kunye nokuphonononga inxalenye eyimfihlo yezinto ezachazwe nguSekela Mongameli, yafumanisa ukuba isipho sedayimani esivela kuLouis Liebenberg asizange sichazwe.
Nangona ikomiti yathathela ingqalelo impendulo kaMashatile, othe wayelinde uhlolo lwexabiso ledayimani phambi kokuba ayichaze, kwaye sele anikezela ngaso esi sipho kwigunyabantu lezotshutshiso (NPA), ikomiti igqibe kwelokuba ukuziphatha kakuhle kuhamba nokuba isipho sichazwe, ukuze kuxelwe nexabiso laso.
Kwinkcazo ephuma ePalamente, ikomiti ifumene ukuba uMashatile waphula umthetho wesolotya 13(3)(f) xa ufundwa kunye nombhalo 16(1)(a)(ii) womthetho.
“Ngenxa yoku, ikomiti yacebisa iNdlu yoWiso-mthetho ukuba imohlwaye esidlangalaleni kwaye imxelele ahlawule isohlwayo semali eyi-R10,000 njengesenzo sokuqala sokophula umthetho.”
“Ikomiti iye yahlala imile kwinjongo yayo yokuqinisekisa uxanduva lwawo onke amalungu ePalamente njengoko kuchazwa ngumthetho.”
“Inkqubo yokwazisa izipho kunye nemixholo enomdla kuluntu ayipheleli nje ngokwakha ukuthembeka phakathi kwePalamente noluntu, kodwa iphucula ukuthembeka kwayo ngokubanzi,” itshilo ingxelo.
IPhalamente ithe ingxelo epheleleyo yeKomiti iza kupapashwa kwicandelo leZaziso, kunye neNgxelo yeKomiti.