NguLulama kaSozathini
Uluntu lweelali zaseNcerha kude kufutshane kwidolophu yaseMonti lusanxunguphele emva kokufunyanwa komsebenzi wenye yeefama ezikufutshane kwezilali ebulewe ngokunqunyulwa umqala waze wahlinzwa okwesilwanyana.
Iingxelo zithi ngomhla wamashumi amabini anesine kule yeKhala (24 July 2024) amapolisa abhaqe umzimba womsebenzi wefama ekwindlela uR347 phakathi kweQonce neKidds Beach unqunyulwe umqala waze waqangqululwa ze amathumbu akutshwa ngaphandle. Umnikazi wefama le ubikele amapolisa ngesi sihelegu emva kokuba engavanga zwi kumsebenzi lowo wakhe.
Ekufikeni kulefama amapolisa afumene ityotyombe lalomsebenzi litshisiwe kunye nendlu esecaleni kwalo iqhekeziwe. Iingxelo ziqhuba zithi ekuphengululeni kwamapolisa kufumaniseke ukuba kukho izinto ezingekhoyo endlini kamfi nekuye kwakrokrelwa ukuba kukho uphango oluye lwaqhubeka. Kungekude kuyaphi apho kuhlala khona umfi, umzimba wakhe ufunyenwe unqunyulwe intloko waze watyakatywa namathumbu ekutshelwe ngaphandle. Umfi lo uphakathi kweminyaka engamashumi mathathu ananye (31) kwaye uze ngempangelo eMonti.
Amapolisa ahlanganise igqiza laba phandi neliye lalanda emkhondweni okhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini ngeli lixa abanye besagcwele amathafa. Abarhanelwa aba babanjiweyo baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ukuya kwiminyaka engamashumi amahlanu (50). Aba barhanelwa baye bafunyanwa neempahla ekukholelwa ukuba zezikamfi, kude kufutshane nefama apho umfi abulawelwe khona. Ukanti amapolisa acela uncedo kuye nabani onako ukuncedisa ekubanjweni kwabanye abarhanelwa. Amapolisa acela nabani onolwazi achazele amapolisa kwisikhululo esikufutshane naye okanye atsalele umnxeba kwinombolo yakwaCrime Stop ethi 08600 10111.
@icamagunews