Kanti ngubani eyona ntlabi iselungelweni lokuphatha lomkhonto?
19 eyoKwindla 2024
NguLulama kaSozathini
Ngolwesibini inkundla yonyulo eBlomfontein ichophele isimangalo sombutho i-African National Congress (ANC) nalapho ifuna ukuba isigqibo sokubhalisa umbutho uMkhonto Wesizwe njengeqela lezopolitiko sibuye siqwalaselwe futhi sithathwe nje ngesingekho mthethweni.
Enkundleni igqwetha lekomishoni ezimeleyo yonyulo kweli -i-IEC uMnu Terry Motau lithe i-ANC yaphanza ukufaka isicelo esiphikisana nokubhaliswa kombutho i-MK ngexesha elimisiweyo watsho ebongoza inkundla ukuba ayinasizathu sakumamela elityala. Lo kaMotau ukwathe iANC yazama ukubhena kodwa yakha phantsi isitya sigcwele nanjengoko ibisele ishiywe lixesha. Igwetha lithi lenyewe kwakufanele ukuba iphelele apho ingabi sadluliselwa phambili.
Ukanti kwelinye icala amagqwetha amele umbutho i-MK uMnu Dali Mpofu kunye noMnu Muzi Sikhakhane axelele inkundla esithi ukuba i-ANC ibithe yenza iizinto ngendlela ngekungekho sidingo senkundla yonyulo ukuchophela lomba. Ngethuba ebhekisele kwinkundla igqwetha lejaji uMpofu uthe umbutho i-ANC ubunexesha elaneleyo lokulandela imiqathango kodwa waphanza ukufaka iizikhalazo zawo kwangethuba, lonto idale ukuba i-ANC ingazi enkundleni kwintsuku ezingamashumi amathathu nezingumiselo obekiweyo ngokomthetho. UMpofu uthe esona sizathu esixhukushe lombutho sisigqibo salowo wayesakuba nguMongameli weli uMnu Jaco Zuma sokuba uzakuvotela abuye akhankesele i-MK.
OkaMpofu uthe ibango elifakwe yiANC enkundleni linyathelo nje lezopolitiko eliphenjelelwa yidyudyu. Inkudla icelwa yiANC ukuba mayikhuthaze ukungahloneli umthetho ngako oko ayinagunya lakumamela elityala, utshilo. Lo kaMpofu ulebele ngelithi isigqibo sengqonyela yekomoshini yonyulo malunga nokubhalisa i-MK asinakuguqulwa yilenkundla.
Inkundla isasigodlile isigqibo sayo ngakulenyewe.