NguLulama kaSozathini, Iimifanekiso: SAPS
NgoMvulo, umhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025, amalungu eMaitland Flying Squad eNtshona Koloni athathe inyathelo elikhawulezileyo emva kokufumana ulwazi malunga nendawo evelisa utywala bomgunyathi.
Amalungu lawo aye kwindawo ekuR44 eKlapmuts, apho afike afumana isakhiwo esigcwele izixhobo zokwenza utywala. Kule ndawo, amapolisa afumene oomatshini, iibhodlela ezingenanto, iicontena ezimhlophe ezilishumi ezinkulu eziphethe i-1000 litre nganye, kwakunye nezinye iicontena eziqulathe i-ethanol.

Kulendawo abantu abasixhenxe babanjiwe – amadoda amahlanu aneminyaka ephakathi kwe-25 ukuya ku-43, kunye namabhinqa amabini aneminyaka engama-20. Bonke batyholwa ngokophula uMthetho weLiquor Act.
Izixhobo kunye nezinto ezifunyenweyo zizakuthathwa njengobungqina, kwaye aba banjiweyo kulindeleke ukuba bavele eNkundleni kaMantyi yasePaarl kungekudala.
