10 Tshazimpuzi 2024
nguLulama ka-Sozathini
Amehlo ajonge ntsho kunyulo lovalo zikhewu kuMasipala uMzumbe kwaZulu-Natal. Oku kulandela ekubeni kwinyanga ephelileyo ooCeba abathandathu bombutho i-African National Congress bethe bakreqela kumbutho UMkhonto Wesizwe. Ukanti i-ANC yavakalisa ukuba esi sithandathu saguzulwa embuthweni emva kokuvota kunye neqela eliphikisayo ekukhupheni USodolophu uMnu Bongani Nyuswa.
I-ANC yaya kwinkundla yomthetho ukuya kuphikisana neso sigqibo ngelithi intlanganiso leyo yayingekho mthethweni. I-ANC yaphumelela enkundleni yaze inkundla yayalela ukususwa kwemeya ye-Inkatha Freedom Party uMnu Mlungisi Ndlovu kwaze kwabuyiselwa USodolophu uNyuswa kwakhona.

Xa kungoku omnye wabakreqi nowayesakuba nguSomlomo kulo Masipala uSbonelo Maphumulo ungenele unyulo lwakwaWard 11 phantsi kombutho uMkhonto Wesizwe ngeli lixa ezakuqubisana noLindiwe Duma weANC. Olu nyulo kwiANC kulindeleke ukuba liveze ukuba ingaba isayixhuzula kakuhle na imikhala kulo Masipala. Ukanti kuMkhonto Wesizwe le yenye yovavanyo lokulungela kwayo unyulo oluzayo. La maqela omabini sele eqalile ukudidimba iinkokheli zawo ekuya kugayeni inkxaso kulewadi.
UMnu Zihle Zikalala we ANC ngexesha ebengena umzi nomzi kulewadi uthe i-ANC inomgaqo ocace gca nojongene nokuthatha uMzantsi Afrika uwuse phambili. Ukanti kulindeleke ukuba nenkokheli eziphambili kuMkhonto Wesizwe zifike nazo ukuza kugaya inkxaso. Unyulo kulindeleke ukuba libe ngomhla wamashumi mabini anesine ukuTshazimpuzi.
