25 Tshazimpuzi 2024
Umfanekiso: Uthunyelwe
nguLulama ka-Sozathini
Umfama waseBloemfontein uWilliam Smit wenze imbali ngokuba ngowokuqala ukuthengisa ibhokhwe yakhe ngemali engange R1.05 Million kwifandesi ibibanjelwe kuledolophu kwiphondo lasefreystata kuleveki.
Ngokwengcali zolimo kunye nabeFarmers Weekly eli lelona xabiso lakhe laphezulu nelakhe lahlawulwa ngebhokhwe kweli loMzantsi Afrika. Le bhokhwe negama layo lingu “Formula One” iphumelele iimbasa eziliqela ngaphambili ngenxa yokondleka kwayo kakuhle. Oluhlobo lwebhokhwe luhlala luphantsi koqwalaselo lwabahloli beSouth African Boer Goat Breeders Association neqinisekisa ukukhuliswa kweebhokwe ngohlobo olukumgangatho ophezulu.
UFormula One lo uthengwe yinkampani ebizwa ngokuba yiVEA Stud Breeders yaseBonnievale. Ukanti uSmit nobe ngumnikazi walebhokhwe uthi enye yezinto awathi wayiqwalasela kuyo yindlela enkulu ngayo nobunzima bayo obungathethekiyo kwanokuba nezoso ezakheke kakuhle.
Ukanti abanikazi abatsha balebhokwe abacacisangga ngezona njongo zabo emva kokuba beyethengile.
@icamagunews