Ibhalwe nguLulama kaSozathini | 14 Julayi 2025
ePitoli – Ngobusuku bangeCawe, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukumiselwa kweKomishini eza kuthi iphande nzulu ngezityholo zokungenelela kwezikrelemnqa kwimibutho yolawulo lomthetho nakwiinkonzo zobulungisa eMzantsi Afrika.
Oku kulandela intetho eyenziwe kwintlanganiso noonondaba ngumkomishinari wamapolisa kuMzantsi Afrika kwiPhondo laKwaZulu-Natal, uLt Gen Nhlanhla Mkhwanazi, nodize ukuba kukho amaqumrhu obugebenga nabambe ngobhongwana iinkonzo ezithile kuburhulumente.
ULt Gen Mkhwanazi wabhengeza uMphathiswa wamapolisa wathi wangenelela kuphando oluthile kwaye wathi kukho iminikelo eyenziwa phakathi kwakhe nabantu abathile abarhanelwa ngezityholo zokubulala, kunye ukuba nabashishina ngeziyobisi. Olunye ungenelelo, kukuchithwa kweqela lophando elijongene nokubulawa kwabantu ngenxa yezopolitiko.
UMongameli uthe ezi zityholo ziwubeka engxakini umgaqo-siseko welizwe, ulawulo lomthetho, kunye nokhuseleko lukazwelonke. “Xa ezi zityholo zingqinwa, zinesakhono sokoyikisa ukholo lwabantu kwiSAPS kunye nomzamo wokulwa norhwaphilizo,” utshilo.
Ngoko ke, uRamaphosa ubhengeze ukumiselwa kweKhomishoni yezobuJaji eza kukhokelwa nguJustice Mbuyiseli Madlanga, oseza kuthatha umhlala-phantsi kwinkundla yoMgaqo-siseko ekupheleni kukaJulayi 2025. Uya kuncediswa ngoAdvocate Sesi Baloyi SC noAdvocate Sandile Khumalo SC.
IKhomishoni iya kuphanda ukungenelela kwezikrelemnqa kwiinkonzo zomthetho, uphazamiseko lophando, ukugrogrisa amagosa ukuba enze izigqibo eziphikisana nomthetho, kunye nokutyhila abo bazuza kwezi zenzakalo – kuquka neSAPS, iNPA, iSSA, kunye namagosa ezixeko eziseGoli, eTshwane nakumasipala wase-Ekurhuleni.
UMongameli uthe iKhomishoni iza kuphanda nokuba ingaba akhona na amalungu eSigqeba seLizwe (National Executive) anenxaxheba kwizenzo zobukrelemnqa kusini.
uRamaphosa ubeke uMphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, kwiholide engxamisekileyo, ukuze kuphandwe kakuhle. Waza endaweni yakhe watyumba uProfesa Firoz Cachalia, oyintloko yeBhunga leSizwe elichasene norhwaphilizo, ukuze abe libambela Mphathiswa
“Le Khomishoni sisithembiso kwilizwe ukuba silwela ubulungisa, ucaciso, nokunyaniseka,” watsho uRamaphosa. Ubalule ukuba amapolisa kunye nezinye iinkonzo ziya kuqhubeka nokusebenza ngelixa uphando luqhuba.
IKhomishoni ilindeleke ukuba inike ingxelo yexeshana emva kweenyanga ezintathu ngendima esele iyihambile. Ingxelo yokugqibela zakuthi inikezelwe kuMongameli, kwiNtloko yeNkundla yoMgaqo-siseko kunye noSomlomo weNdlu yoWiso-Mthetho.
Njengoko uMzantsi Afrika ujamelene nolwaphulo-mthetho norhwaphilizo, uRamaphosa uthe le nkqubo iyinxalenye yomzamo omkhulu wokwakha kwakhona ukuthembeka kwabantu kwiinkqubo zomthetho nokubaqinisekisa ukuba ukhuseleko lwabo luyagcinwa.
@icamagunews