NguLulama kaSozathini
05 eyeSilimela 2024
UThabo Bester nabanye atyholwa nabo bavele enkundleli ephakamileyo yaseBloemfontein eFreystata namhlanje.
UBester utyholwa ngokuqhwesha kwintolongo yaseMangaung apho wathi wagwetywa khona ubomi neminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ngokubulala owayesakuba sisinqanda mathe sakhe uNomfundo Tyhulu owayengumcondobi owaziwayo nosomashishini phakathi kwezinye izityholo. Kuluhlu lwamatyala akhe lo kaBester ukwanawo nahlangene nokudlwengula.
Enkundleni ngoLwesithathu amagqwetha aveze iizinto eziliqela nezidala ukuba ityala lingabinakho ukuqhubeka. Amagqwetha abeke ingxaki yemali ekufuneka ilungisiwe phakathi kwabo kunye nabarhanelwa. Elinye lamagqwetha uMnu Kagisho Moruri uthe bacela ekungenani iiveki ezintandathu ukulungisa lenyewe.
OkaBester uye wacela ithuba lokuzondlala enkundleni nalapho avakalise impatho embi ayifumana kumagosa eentolongo aseKgosi Mampuru ePitoli. “Andivumelekanga ukudibana namagqwetha am, ndinxityiswa iizinto endingazifuniyo xa ndisiza enkundleni kuba kuthwa mandohlukane neempahla ezinamagama, andizifumani iincukacha zamaxwebhu omthetho endizicelayo, ndivalelwa ndedwa qelele kubanye abantu ixesha elide”. Ndiziva ndixhatshwazwa amalungelo am. Kuninzi endizakuveza ngelityala nokuchaphazela amagosa aphezulu kwisebe lezoluleko “Ulebele watsho okaBester.
Iphawula iJaji echophele elityala uMnu Joseph Mhlambi uthe lo kaBester unelungelo ngokomthetho ukuvakalisa ukungoneliseki kwakhe ngokuthi alandele imiqathango ebekiweyo kwanokusebenzisa amagqwetha ukwenza oko. Ubuye wamcebisa ukuba aqinisekisa ukuba ulungisa indaba yakhe namagqwetha akhe. Ijaji uMhlambi uthe akukho semandleni akhe ukuchophela izikhalazo zalo kaBester kodwa unalo ilungelo lokwenza njalo ngokulandela imigaqo emisiweyo.
Ngethuba ethetha lo kaBester isinqanda mathe sakhe uNandipha Magudumana noseluvalelweni naye ubonakale ezibambe ngeenkophe iinyembezi ngethuba efotwa ngoonondaba.
Ityala limiselwe umhla wamashumi mabini anesine kweyeKhala 2024.
@icamagunews2024