27 uCanzibe 2024
NguLulama kaSozathini
Inkulumbuso yephondo iMpuma-Kapa uMnu Lubabalo Oscar Mabuyane uvakalise ukuba urhulumente usasaze amajoni eMthatha ukuzama ukubuyisa imeko yale dolopho esiqhelweni nasekuqinekiseni uzinzo. Oku kusemva kwezixholoxholo eziye zehla kuledolophu nezidale ukuba inkonzo zime ngxi kuquka nokuvalwa kwendlela uN2 ekungeneni nasekuphumeni kwedolophu. Kwezi zixholoxholo kukwaxuthwe kwandlandathekiswa iiloli ezingena kuledolophu. Ukanti kukwabikwe neziganeko apho kuye kwakho udubulwano phakathi kwamapolisa nabaqhankqalazi.
Ethetha nonondaba emva kwemini namhlanje eMonti okaMabuyane uthe uRhulumente akazokuyivumela eyokubanjwa ngobhongwana liqela labantu abangobholel’ ecaleni. Isenzo esifana nokuvalwa kwesikhululo seenqwelo ntaka sifana nqwa nokubhukuqa umbuso. Izenzo ezifana nokutshiswa kwamaqweqwe okukhankasa eANC zicacisa mhlophe ukuba sele kukho esinye isandla kulemeko, akuseko kuqhankqalaza koonotekisi nje kuphela, kukho unyawo lwemfene uqhube watsho okaMabuyane.
Ukanti kwakulenkomfa uMphathiswa ojongene nezothutho kwiphondo iMpuma-Kapa uMnu Xolile Nqatha uthe kubanjwe imipu eliqela kwaye amapolisa akwiphulo lokukhangela ukuba ingaba lemipu ayibandakanyeki kusini na kulwaphulo mthetho oluqhubekayo kwizixholoxholo zonotekisi kweliphondo. Yimipu esondele kumashumi amahlanu ethe yaxuthwa kooNotekisi kuquka eyohlobo lwemibhaxa yeR1 engamashumi mabini anesithoba (29) kwakunye nohlobo lwe 9 millimetre ezingamashumi amabini (20). Ukanti kulemipu mithathu ekufunyaniswe ukuba inechaphaza kwaye iyarhaneleka kwizixholoxholo zangaphambili. UMphathiswa uthe amapolisa asaqhuba uphando.
Ukanti okaMabuyane uqinisekise ukuba imeko yedolophu yaseMthatha izakubuyela esiqhelweni nanjengoko ezokhuseleko ziqinisiwe kwaye nokuvota kuzakuqhuba ngaphandle kwamagingxiginxgi.