Umbhaleli Wethu
Pic Graphics: Icamagu Live
Amapolisa akungqinile ukuba lowo uzibiza ngenkosi yaseMthatha West uMnu Dalinzolo Mareke uphakathi kwabarhanelwa abathathu abadutyulwe babhubha kudubulwano namapolisa ngalenjikalanga.
Ngokwengxelo yamapolisa udubulwano olu lwenzeke ngaphakathi kwiziko lamapolisa emva kokuba abarhanelwa bembonzeleke kweliziko ukubuza ngogqogqo oluye lwenziwa ngakubo phambilini. Abarhanelwa baqhumise irhuluwa kuqala ze nathi saphindisa kwabhubha abathathu kwaze kuthi kwenzakala ipolisa elinye “batshilo abakwantsasana”.
Lo kaMarheke igama lakhe liye lakhankanywa amatyeli amaninzi kumkhuba wokufuna imali yokhuselo. Phambilini ikumkani yabathembu uNkosi Buyelekhaya Dalindyebo yavakalisa ukuba ukuvulwa kukalo kaMareke zange kunganyaziswe yiyo nanjengoko kunyanzelekile.