NguLulama kaSozathini: 17 KuTshazimpuzi 2026 Imifanekiso: Ithunyelwe
Namhlanje luphawu losizi olukhulu njengoko omnye kubantu ababini abalahlekelwe bubomi babo ngomhla we-05 KuTshazimpuzi 2026 ebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela. Umfi uQhamani “Skuqe” Langa, nongumhlali kwilali yaseNgwetsheni, uhlonitshwe lusapho, abahlobo, kunye noluntu ngokubanzi kwinkonzo yesingcwabo sakhe. Ixhoba lesibini liza kubekwa ngomso kule lali inye.
Le ntlekele ilandele emva kwenqwithela enkulu eyayihamba nomoya onamandla, nowatshabalalisa izinto nezindlu, waza washiya umonakalo omkhulu. Uluntu lwaseNgwetsheni lusadandathekile kakhulu kwaye lothukile bubungakanani bomonakalo kunye nokulahleka kobomi babantu abatsha ebabenekamva eliqaqambileyo.

Abazili abavela kuzo zonke iindawo zobomi bahlangene ukuhlonipha okokugqibela nokuxhasa usapho olushiyekileyo ngeli xesha linzima.Kwiiveki ezilandele esi sehlo, ubunkokheli boMasipala wasekuhlaleni waseUmzimvubu, kuquka uSodolophu, uSomlomo kunye namaLungu eKomiti yeSigqeba, batyelele indawo echaphazelekileyo ukunikezela ngenkxaso kunye nentuthuzelo kuluntu.
Ethetha emngcwabeni, uCllr Langa Noqhakala, omele uSomlomo, uvakalise usizi lukamasipala:“Namhlanje sikhapha elinye ixhoba kwamabini nekungabantu abatsha abalahlekileyo kule ntlekele ibuhlungu. Umasipala wothuswa kakhulu ziindaba zokusweleka kwabo. Silapha ukunika amazwi ovelwano nenkxaso kwiintsapho ezilusizi nakuluntu lwaseNgwetsheni. Sinethemba elinyanisekileyo lokuba olu hlobo lwentlekele aluyi kuphinda lwenzeke kwakhona.”Umasipala uyaqhubeka ukuma kunye neentsapho kunye noluntu lwaseNgwetsheni ngeli xesha losizi.














