NguLulama kaSozathini: uMasipala waseBuffalo City uthi cingisisani phambi kokwenza amasiko enu anenkomo phakathi.
I-BCM kwikhasi layo kumaqonga ezonxibelelwano ithe abahlali bayakhuthazwa ukuba bayiqonde kakuhle imithetho kamasipala ephathelele nokuxhelwa kwezilwanyana, ngakumbi xa kusenziwa amasiko okanye imisebenzi yekhaya bathi “oku kujoliswe ekuqinisekiseni ukhuseleko, ucoceko kunye nentlonipho kuluntu ngokubanzi”.
NgokukaMasipala ukuxhela nilusapho kubhekisa kwinkqubo yokuxhela isilwanyana ngenjongo yokuba sidliwe lusapho okanye umntu othile kuphela, ngaphandle kokuba kuthengiswe inyama, iimveliso zenyama okanye nayiphi na into ephuma kweso silwanyana. Ukanti ukuxhela kwesiko yinxalenye ebalulekileyo yesithethe apho kusenziwa umsitho wesintu, kwaye kubandakanya ukubulawa kwesilwanyana ngendlela enobuntu nelandela iinkolelo zoluntu oluthile.
uMasipala uthi fakani izicelo zoku.
Abantu abanqwenela ukuxhela ngaphandle kweendawo ezisemthethweni zokuxhela (iindawo zokuxhela ezaziwayo), kufuneka balandele le nkqubo ilandelayo: Kufuneka wazise umasipala ngokugcwalisa ifom esemthethweni ubuncinane kwiintsuku ezilishumi elinesine (14) phambi komsitho. (Oku akubandakanyi iimeko zomngcwabo.)
- Emva kokuba isicelo sivunyiwe, umfaki-sicelo uya kufumana imvume (iphepha-mvume) kunye neencwadi zokwazisa abamelwane abakufutshane, ukuze bavakalise uluvo lwabo okanye izikhalazo, ukuba zikhona. Iifomu kufuneka zingeniswe kwiCandelo lezeMpilo likaMasipala.
Imigaqo ekufuneka ilandelwe ngexesha lokuxhela kwesiko
Abantu abenza ukuxhela kwesiko kuthwa mabalandele le miyalelo ilandelayo: Isilwanyana masingagcinwa ixesha elingaphezulu kweeyure ezili-12 phambi kokuxhelwa, kwaye kufuneka sigcinwe ngendlela enobuntu.
- Ukuxhelwa kufuneka kwenzeke kwindawo evalekileyo, engabonwa ngabamelwane okanye ngabantu abadlulayo.
- Zonke iintsalela zesilwanyana ezingasetyenziswanga kufuneka zilahlwe ngendlela ecocekileyo nenempilo.
- Inyama kunye nezitho ezityiwayo kufuneka ziphathwe ngobunono nococeko, kwaye akuvumelekanga ukuthengiselwa koluntu.
- Makungavalwa iindlela okanye amasango abamelwane, kwaye abathathi-nxaxheba mababonise intlonipho kubamelwane.
- Ingxolo kufuneka igcinwe kumgangatho ofanelekileyo, ingakumbi emva kwentsimbi yeshumi ebusuku (22:00).
- Akufuneki kubekho umsi ogqithisileyo oza kuphazamisa abamelwane.
- Kufuneka kusetyenziswe iinkuni ezomileyo ngokupheleleyo xa kuphekwa ngaphandle, ukuthintela umsi ongafunekiyo.














