23 uCanzibe 2024
nguLulama ka-Sozathini
eKapa – Indoda eminyaka ingamashumi mathathu anesibini (32) nengummi waseZimbabwe inqakulwe yavalelwa ngokunxulumene nokubulawa kwabasebenzi benkampani yesonka eDelft eKapa kwiveki ephelileyo.
Lo mrhanelwa waseZimbabwe, ubanjwe ngamapolisa emva kwemini ngoLwesibini kwenye yeelokishi zaseKapa. Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi yaseBlue Downs namhlanje.
Ngokwengxelo yamapolisa umrhanelwa ubanjwe enompu ongekho mthethweni kunye neembumbulu ekukholeleka ukuba zizo ezasetyenziswa ngethuba kubulawa umqhubi wesigadla esasididmba isonka.
Amapolisa asaqhuba uphando kwaye acela nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili. Kwingxelo ekhutshwe yinkampani yesonka yakwa Sasko abaphathi balenkampani bavakalise amazwi ovelwano kusapho lomqhubi othe wabhubha. Le nkampani ikwancome umsebenzi omhle wamapolisa kwiphulo lawo lokuqinisekisa ubulungisa kulenyewe.