NguLulama kaSozathini
20 uCanzibe 2024
uMkomishinala wamapolisa kwiphondo iMpuma-Kapa uLt Gen Nomthetheleli Mene ukugxekile ukubulawa kwabantu abasibhozo kuquka nomntwana ominyaka isibhozo kwindawo yaseNxanxashe kuGatyane ekuseni ngeCawe umhla weshumi elinesithoba (19) kuCanzibe.
Amapolisa ngeCawe ahletyelwe ngesiganeko apho kufunyenwe amadoda amahlanu, umntu omnye wasetyhini nomntwana bedutyulwe babulawa kwisithuthi sohlobo lweMazda 3 ebebehamba ngaso. Ngeli lixa kumgama nje ongekude kuyaphi kufunyenwe omnye umzimba kwisithuthi sohlobo lweToyota Fortuner. Ukanti kukwafunyenwe nesithuthi sohlobo lweVW Polo singenamntu ngaphakathi kodwa sibhontebhonte ngamachaphaza egazi.
Ukanti abo babuleweyo baphakathi kweminyaka esibhozo (8) ukuya kwengamashumi amane anesihlanu (45), kwaye akukho mntu okanye bantu abasele bebanjiwe ngesi senzo. uMkomishinala uMene uthe kumiselwe iqela elikhethekileyo lophando nelizakuqinisekisa ukuba luphanda nzulu ngesi siganeko. Ubundlobongela abamnkelekanga kwaphela eluntwini uqhube watsho okaMene.
@icamagunews