Umbhaleli Wethu
Iimifanekiso: SAPS
Inkonzo yesiPolisa kweli loMzantsi Afrika idandalazise ukuba uyifumene iimipu ekukholelwa ukuba yiyo eyasentyeziswa ekubulaweni kwabantu eLusikisiki.
Uphando luveze ukuba ezi zixhobo zaye zayakufihlwa kwenye indawo emva kokusetyenziswa ngomhla wesithwakumbe. Liqela elikhethekileyo lamapolisa eliye laqinisekisa ukuba ezi zixhobo ziyafunyanwa. Ukanti kukwabanjwe nabanye abarhanelwa ababini emveni kokuba ezi zixhobo zifunyenwe kubo. Aba barhanelwa babanjwe eFlagstaff eMpuma Kapa.Ukanti iimipu efunyenweyo ziAK 47 ezintathu, umbhaxa wohlobo lwe 243 Steyr neembhumbhulu. Aba barhanelwa kulindeleke ukuba babuyele enkundleni ngomhla wamashumi amabini ananye kweYedwarha ukuzakuxoxa ukuzifunela amagqwetha.
Ukanti abathathu kubarhanelwa ebebe banjwe KwaZulu-Natal kutshanje bavele phambi kwenkundla kaMantyi waseLusikisiki namhlanje. Ityala labo liye lamiselwa umhla wamashumi amabini anesithandathu kwenyaNkanga.
Umphathiswa wamaPolisa uMnu Senzo Mchunu kunye noMkomishinala uGeneral Fannie Masemola bawuncomile umsebenzi omhle wamapolisa.