05 uCanzibe 2024
Umfanekiso: Facebook
NguLulama kaSozathini
Uceba womasipala i-Buffalo City nobuya abe ngusekela sihlalo wombutho iAfrican National Congress kwingingqi iWalter Rubusana uKayise Tom, ulandulele eli emva kokuchitha iinyanga ezintathu esibhedlele. Lo kaTom wathi wadutyulwa ngethuba engena ekhayeni lakhe kweyoMqungu kulonyaka, kwinto eyayikrokrelwa njengo bugwinta oboyamene namadabi ezopolitiko.
uTom wathi wonyulwa njengoSekela Sihlalo weAfrican National Congress eDr WB Rubusana ngoCanzibe ka 2022. NgeyoKwindla ku 2023 wathi wafungiswa njengoCeba womasipala ombhaxa waseBuffalo City. Ngokomyalezo okhutshwe sisithethi sosapho uNkosikazi Pam Dawethi, uTom ulandulele eli ekuseni ngoMgqibelo. UMasipala waseBuffalo City umchaze lo kaTom njengomntu ebezinikele kumbono wokuphucula nokuphumelelisa loMasipala. Kulindeleke ukuba iinkokheli zombutho weANC eBuffalo City zindwendwele usapho lakwaTom ngeCawe ukuya kulilisana nalo emva kwesi sehlo. Usapho luthe iinkcukacha ezigcweleyo namalungiselelo omngcwabo ziyakubuya zibhengezwe.
@icamagunews