Ibali nguLulama kaSozathini
Inenekazi lelali yaseUpper Woodhouse kwidolophu yaseCofimvaba uNokwanda Mhlanga-Kuse oneminyaka engamashumi mane ananye (41) Â uxhaxhwe wabhubha yindoda athandana nayo. Ngokwengxelo kaMnu Petros Majola weKhula Development umzimba kamfikazi ufunyenwe uxhaxhiwe waze wakrolonqwa namehlo kwindlu esebumelwaneni. Kuvakala ukuba esi sibini saye sanegxwabangxwaba ngeCawe umhla weshumi elinesithandathu (16) kule yeSilimela. Le ngxwabangxwaba iye yakhokelela ekubeni indoda yakhe imgwinte yaze yagqibezela ngokumkrolonqa namehlo. Esi senzo sibuhlungu kangaka silothusile uluntu lwale lali kwaye sivuse umnyele kwabaninzi.
Ukanti kuvakala ukuba amalungu osapho aye ambeka izandla umrhanelwa phambi kokumnikezela emapoliseni. Amapolisa wona kwelinye icala atyityimbisele umnwe usapho kunye nabahlali ngokuthathela umthetho ezandleni zabo. Amapolisa athi nasiphi isenzo esikumila kunje kufanele sinikezelwe kwabomthetho banikwe ithuba lokwenza ubulungisa. Ukanti ekuqaleni kwaleveki uMphathiswa weSebe leNtlalontle eMpuma Kapa uNkosikazi Bukiwe Fanta ebekhokele umngcelele olwisana nokuxhatshazwa ngokwesini kunye nokuthutyeleziswa kwabantu eGqeberha. Lo mngcelele ububanjwe ngaxesha nye nokuvela enkundleni kukamfundisi Tim Omotos obekwa amatyala angamashumi amathathu anesibini (32), okuxhaphaza amanina nokuthubelezisa abantu. UOmotoso uvele enkundleni ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesine (24) kule yeSilimela. Ukanti ityala lalomthanjiswa liphinde lamiswa kwakhona.