Umbhaleli wethu. Imifanekiso: GCIS
eKapa, uTshazimpuzi 2, 2025 — uMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha Ingqungquthela Yesibini Yabantwana baseAfrika ukusuka ngomhla wesine ukuya kowesixhenxe ku-Tshazimpuzi eRhawutini. UMphathiswa weNtlalontle uNksz. Nokuzola Sisisi Tolashe ukuqinisekisile ukulungela kweli lizwe lentlangano ngexesha lentlanganiso noonondaba eGCIS Imbizo Centre ngalentsasa.
Le ngqungquthela, eyinxalenye yobuMongameli beG20 baseMzantsi Afrika, kwaye ijolise ekunikeni abantwana iqonga lokuveza izimvo zabo. Phantsi komxholo othi “Ukubonwa, Ukuviwa, nokubandakanyeka kweMfundo,” nogxininisa ukubaluleka kokubandakanya abantwana kwiingxoxo malunga nemigaqo-nkqubo ebalulekileyo kubo.

INelson Mandela Children’s Fund isebenzisana norhulumente ekusingatheni le ngqungquthela, neza kubandakanya abantwana abangamawaka anamakhulu amathathu (1300), abaneminyaka elishumi(10) ukuya kwelishumi elinesixhenxe (17) abavela kuwo wonke ummandla waseAfrika. Phakathi kwabo, abantwana abangamakhulu amathathu (300) baza kube bekhona eSt. John’s College, eRhawutini, ngelixa abaliwaka(1000) beza kuzimasa nge-intanethi. Ukuza kuthi ga ngoku, amazwe alishumi elinesixhenxe aseAfrika aqinisekisile ukuthatha inxaxheba.
UNgqongqoshe uTolashe uphawule amazwi owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela, esithi, “Akukho ndlela ibonakalisa ubume bomoya woluntu njengendlela olubaphatha ngayo abantwana balo.” Ukwanike ingxelo yokuba uMzantsi Afrika waphumela phambili ngokutyikitya uMgaqo-siseko weZizwe eziManyeneyo Wamalungelo Abantwana (CRC) ngo-1996 kunye noMgaqo-siseko weAfrika Wamalungelo kunye neNkcubeko yoMntwana ngo-2000. Ezi mfuno zinceda ekukhuseleni imfundo, ukhuseleko, kunye namalungelo abantwana.
Le ngqungquthela iza kujongana nemiceli mngeni emikhulu ejongene nabantwana, kuquka:
- Ukufikelela kumgangatho ophezulu wemfundo kubo bonke abantwana
- Udushe olujoliswe kubantwana kunye neendlela zokuthintela olo dushe
- Ubuchwepheshe kwimfundo, kuquka nobukrelekrele bokuzenzela (Artificial Intelligence)
- Uguquko lwemozulu kunye nefuthe lalo kubantwana
- Indlela abantwana abanokuthatha inxaxheba ngayo kulawulo nasekulawuleni amazwe
Le ngqungquthela ekhokelelwa ngabantwana iyahambelana nenkqubo yeAfrika 2040, ejolise ekwakheni ikamva elingcono labantwana. Izakubonisa iintlanganiso ezinkulu, iingxoxo, imiboniso, kunye nemisitho yenkcubeko ukwandisa ukuthatha inxaxheba.
Ukugcina ukhuseleko lwabo bonke abathathi-nxaxheba, i-Arhente yoKhuseleko lweSizwe kunye namaPolisa laseMzantsi Afrika ziye zaqhuba uphando olungqongqo lohlolo. Oku kubandakanya ukuhlolwa kweemvelaphi zabakhathaleli abangama-shumi asibhozo anesibini (82) abaza kuhamba nabantwana abaza kube bekhona.
Le ngqungquthela iza kubandakanya abantwana abangamashumi amahlanu (50) abaneemfuno ezizodwa, ukuqinisekisa ukuba nabo bayathatha inxaxheba ngokulinganayo. UNgqongqoshe uTolashe ugxininise ukuba abantwana abanezidingo ezizodwa bajongene nemiceli mngeni eyodwa kwaye kufuneka bakhuselwe kuzo zonke iintlobo zokuxhatshazwa.
UNgqongqoshe ukwakhankanye ngetyala elibi kakhulu lomntwana oneminyaka esixhenxe (7), uCwecwe, owasetyenziselwa kakubi eBergview College eMpuma Koloni. “Sifuna ubulungisa bukaCwecwe kunye nabo bonke abantwana abaye bahlaselwa. Ubulungisa obulibazisekileyo, bubulungisa obungavakaliyo,” utshilo, enesicelo kubaphathi-mthetho ukuba basebenze ngokukhawuleza.
Ikomiti yoQuquzelelo lweNdawo, esebenza norhulumente kunye namapolisa, iqinisekisile ukuba yonke into ilungile ukuze ingqungquthela iqhube kakuhle. Umdla kwimithombo yeendaba mkhulu, kwaye oonondaba abangamashumi amane (40) sele beqinisekisiwe ukuba baza kubhala ngale ngxelo.
UNgqongqoshe uTolashe uthembise impumelelo kule ngqungquthela. “Sikulungele ukwamkela abantwana baseAfrika size sibanike ithuba lokuba izwi labo livakale. Siza kusebenza kunye ukwakha iAfrika engcono yabantwana bonke” ulebele watsho okaTolashe
@icamagunews