Umbhaleli wethu
IGunya lezoTshutshiso likaZwelonke (NPA) liphumelele ekuchaseni isicelo sebail sabatyholwa abasixhenxe abajongene nezityholo zokuxhaphaza nokoyikisa iinkampani zamabhasi omgama omde ahamba phakathi kweMpuma Koloni neNtshona Koloni.
Abatyholwa, uBonke Makalala, uSimphiwe Mtshala, uMzuvukile Mbiyo, uSiyanda Dyantyti, uGwendoline Mazele, uSiphelele Kwaza, kunye noSimphiwe Gxumayo, bajongene nezityholo ezili-156 eziquka urhwebo olucwangcisiweyo (racketeering), ukuxhaphaza ngemali (extortion), ukuzama ukuxhaphaza, ukoyikisa, ukuhlanjwa kwemali, ukuthimba abantu, ukuphazamisa iziseko ezibalulekileyo, ukophula umthetho wePOCA, kunye nokungangenisi iingxelo zerhafu ngokuchasene noMthetho weTax Administration Act ka-2011.
UMakalala akazange afake isicelo sebail, ngelixa abanye bezama ukuqinisekisa inkundla ukuba ukukhululwa kwabo kuya kuhambelana nobulungisa. Bathe abayi kuba sisoyikiso kuluntu, abayi kuphinda benze ulwaphulo-mthetho, kwaye abayi kuphazamisa inkqubo yezobulungisa okanye boyikise amangqina.
Abatyholwa babonise iinkcukacha ngeendawo abahlala kuzo, ubudlelwane bosapho, kunye namashishini abo, besithi ukuvalelwa kwabo kuya kuchaphazela kakhulu iintsapho zabo kunye nokuphila kwabo. Uninzi lwabo lusebenza kwishishini leeteksi, ngelixa uMazele eqhuba ishishini lomngcwabo.
Nangona kunjalo, imeko kaDyantyti yahluke kakhulu, njengoko enetyala langaphambili elinxulumene nemipu kwaye ejongene nezinye izityholo ezinzima, kuquka ukuphanga, ukuzama ukubulala, kunye nokuba nezixhobo ezingekho mthethweni.
Uphando olwenziwe phantsi kweProjekthi Tsitsikama luveze ukuba kukho iqela elisebenza ngendlela ecwangcisiweyo eliquka abanini beeteksi kunye namalungu emibutho efana neCATA, CODETA, UNCEDO kunye neNatal Spruit Taxi Association.Kuthiwa eli qela lalijolise kwiinkampani zamabhasi ezifana neIntercape, Eagle Liner, Greyhound/Aldo Coaches, Chilwans Transport, Vila Mora/Intercity kunye neWilliams Transport, lifuna imali yokhuseleko ukuze amabhasi akwazi ukusebenza ngaphandle kohlaselo.
Inkundla ive ukuba ukusukela ngoyeMqungu 2021, kuye kwabakho ngaphezulu kwezigameko ezili-150 zokoyikisa kunye nobundlobongela ezinxulumene neebhasi zeIntercape kuphela.Umtshutshisi uNico Breyl uthe ubungqina buqinile kwaye bubonisa indlela eqhubekayo yolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo. Wongeze wathi abatyholwa banokujongana nezohlwayo ezinzima, nto leyo enokubakhuthaza ukuba babaleke ityala.
UMgwebi uReaz Khan ugqibe kwelokuba abatyholwa mabangakhululwa ngebail, esithi kukho amathuba okuba bangoyikisa amangqina kwaye baphazamise ubulungisa. Inkundla ikwafumanise ukuba ityala likarhulumente liqinile kwaye abatyholwa abakwazanga ukubonisa ukuba ukukhululwa kwabo kuyahambelana nobulungisa.
Eli tyala lihlehliselwe umhla wama-20 kweyeKhala 2026 ukuze kuqhutyekwe nophando lwezemali kunye nezicelo ezinxulumene nePrevention of Otganised Crime Act (POCA)














