INkulumbuso yaseMpuma Koloni, Oscar Mabuyane, ikhuphe isaziso esisemthethweni esifuna ukuba inkokeli ye Economic Freedom Fighters (EFF), Julius Malema, icele uxolo esidlangalaleni kwaye irhoxise izityholo zokuba uMabuyane “waba” okanye wenza ubuqhetseba kwizifundo zakhe kwi University of Fort Hare.
Kwincwadi ebhalwe ngomhla we-17 Tshazimpuzi 2026 evela kwiSakhela Inc Attorneys, amagqwetha kaMabuyane achaza ukuba iNkulumbuso “iyazikhanyela ngokupheleleyo ezi zityholo” kwaye “ayikaze ibe nalo naluphi na ulwazi olubonisa ukuba isibile isidanga kwiYunivesithi yaseFort Hare, kuquka nesidanga seMasters.”
Incwadi ikwacacisa ukuba uMabuyane akanaso isidanga seMasters esivela kwiYunivesithi yaseFort Hare kwaye akazange abange ukuba unaso.”Esi saziso silandela amazwi kaMalema awathethe esidlangalaleni ngomhla we-9 nowe-16 KuTshazimpuzi 2026. Amagqwetha anike uMalema ixesha de kube ngumhla wama-21 KuTshazimpuzi 2026 ukuba enze oku kulandelayo:
Ayeke ngoko nangoko ukwenza okanye ukuphinda-phinda ezi zityholo;
Akhuphe urhoxiso olupheleleyo esidlangalaleni kwindawo efanayo nange ndlela efanayo nalapho zazenziwe khona ezi izityholo.
Apapashe uxolo olungenamiqathango; kwaye ze anike isiqinisekiso esibhaliweyo sokuba akayi kuphinda aziphinde ezi zityholo.
Incwadi le ilumkisa ukuba ukusilela ukuthobela ezi mfuno kuya kukhokelela kumanyathelo omthetho ajolise ekukhuseleni “isidima, ukuthembeka, nodumo” lukaMabuyane njengomkhonzi woluntu kunye nenkokeli yezopolitiko.Lo mba uchukumisa ingxoxo ende yoluntu malunga neziqinisekiso zemfundo ezinxulumene ne University of Fort Hare.
Ngexesha lokupapashwa kwale ngxelo, uMalema okanye iEFF ibingekakhuphi moendulo kulomba. Ixesha elifutshane alinikiweyo sele livuse ingxoxo eshushu kumajelo eendaba ezentlalo, apho abanye bebuzile ukuba kutheni uMabuyane ekhetha indlela yomthetho wokunyelisa endaweni yokukhupha nje iirekhodi zakhe zemfundo.














