Inkonzo yamapolisa kwiphondo iMpuma Kapa ithi yenze umsebenzi omhle ekukhuseleni unyulo kweliphondo. Ngokomlomo wamapolisa ingingqi iOR Tambo yeyona enezithili ezininzi zokuvota kwiphondo kulandele i-Alfred Nzo. Ubukhulu bezingingqi bubangele ukuba isebe lezamapolisa licele isongezelelo ngebutho lamapolisa aphuma kwezinye iindawo zephondo nezingena zitishi zovoto zininzi. Ingqingqi iChris Hani, Amathole, OR Tambo neAlfred Nzo zezona zichaphazeleke kakhulu lunqongophalo lwamapolisa. Ingingqi yaseBuffalo City neSarah Bartman zizo eziye zancedisa kakhulu ekongezeni amapolisa kwiindawo ebezidinga uncedo.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene uthe kubuye kwafunwa uncedo nakundlunkulu wesipolisa kweli. OkaMene uthe ukudidinjwa kwamapolisa kuye kwaqwalasela iindawo ezisemngciphekweni ngoko kuphawulwa kwazo ngamasebe ajongene nokhuselo nokhuseleko kurhulumente. Amapolisa asezakuqhuba ajonge ngamehlo okhozi iindawo eziliqela ephondweni nasemva konyulo ukuqinisekisa ukuba ucwangco luyagcinwa. Siyazi ukuba emva kovoto kuzakubhiyozwa kungoko kumele sibonakale ngoninzi lwethu “Ulebele watsho okaMene”.