23 March 2025
Lulama kaSozathini
Abaphembeleli nabaququzeleli bentlalo kaNtu ephondweni bebehlangene kucweyo lokuphuhlisa intlalo kaNtu kwa nokukhuthaza ibuyambo kumzi ontsundu. Ngabantu abaliqela ebebetyelele kwilali yaseCobosi, eNgcobo kwiMpuma-Kapa ukuya kuthatha uhambo oluya kwintaba yesivivane ukuya kwenza umsebenzi wesicamagusho sokuvula ulibo. Lo ngumsebenzi wokucela kuMdali nezinyanya imvume yokuya kuvuna kwiziqhamo nemifuno ekwizitiya namasimi oluntu. Oku kwenziwa ngenjongo zokukhuthaza ukuba isivuno sande kwaye imbalela ingaquqi ibuyelela eluntwini. Ngokwamalungu entlalo kaNtu kwiphondo iMpuma-Kapa lomcimbi wenziwa kanye ngenyanga yoKwindla nekuyinyanga apho kuqala khona ukuvela uhlaza oluchaza ulibo emasimini.
Umnu Mthembeni Mbaleni noyinkokheli yentlalo kaNtu eMpuma-Kapa uthi ekubuyeni kwabantu kwintaba yesivivane bazakuqalisa ukuvuna kwizikhwebu ezikhoyo ezitiyeni okanye kwiintsimi zabo. Ezi zikhwebu ziyakuthi zihlale zilinde mhla kwakho ilungu losapho eliye lawa neziyakuthi ngelo lixa zihlwayelwe ngokwesithethe esidala sakwaNtu, utshilo okaMbaleni. Ethetha kulomsitho uGqirha Loyiso Nqevu noyinkokheli jikelele yeNtlalo kaNtu uthe eyona njongo yalomsitho kukuba bonke abantu abasuka kuwo bamnke bentlantlatheke amadolo ukuze kuvuseleleke umoya wabo nonyanya oluphila kubo. Umyalezo endiwusasazayo ngowokuba, ukuquqa kwethu kulentaba sinezinto esisizuzayo nezibangela ukuba size rhoqo. Yinto endala eyokukhangela isiza sendalo xa uluntu lusakuxakwa yimeko khona ukuze lizokunxibelelana noMdali neminyanya. Sikwafumana ukuhlaziyeka ngokunyathela kwethu esivivaveneni ulebele watsho okaNqevu.
Umbhali wencwadi ethi unesiduko nje unetyala Unkosikazi Nwabisa Gxothiwe nongomnye wezithethi ebeziphambili kulomcimbi uthe konke okwenziwa kulentaba yesivivane yindlela yokubulela kumanyange isivuno esihle. Kungako nje thina kule yethu inkolo nangokwe montlalo yakwantu singathandazi xa sizakutya ngoba sele sibulele kuMdali nakumanyange ngomcimbi okumila kunje. Kumele ke silukhumbuze uluntu ngezi zinto kuba zindlela zokhokho ezi nezazikhuthaza ukuhlonipha imveli utshilo okaGxothiwe.
@icamagunews