05 eYesilimela 2024
Inzame zokuhlangula nokugutyula ubugoxo obudalwe zizitshingitshane eBuffalo City kulindeleke ukuba ziphazimiseke. Inkonzo yemozulu kweli iSouth African Weather Service (SAWS) yazise ukuba kulindeleke isigaba sesithathandatu (level 6) yezantyalantyala zemvula ezonakalisayo neziza kudala ukhukuliseko kwiingingqi zalo masipala. Ezi zantyalantyala ziza kuchaphazela kakhulu iindawo zogobithyolo neendlela zalomasipala. Iizitshingitshane zamva nje zisube iimiphefumlo yabantu ababini kwesi isxeko, ngoko abantu bayacelwa ukuba baqaphele.
UMasipala waseBuffalo City uthe wenza ngoku okusemandleni ukungenelela kwindawo ezichaphazelekayo. Lo masipala uthe zindawo ezingaphaya kwamawaka amabini anamakhulu amabini (2234) ezichatshazelwe yile ntlekele kwaye kulindeleke ukuba lamanani akhule. Abahlali abashiyeke bengondinga sithebeni basafumene igwiba kumaholo asekuhlaleni aseMdantsane, Braelyn naseMzamomhle ngeli lixa abanye besiwe kwindawo zokuhlala abantu abadala nakwizindlu zethutyana.
UMasipala ubongoze oosomashishini noluntu ngokubanzi ukuba bancede bafake isandla ekuncedeni ezi ntsapho. Ukanti ukwathe usebenza nombutho wesisa iGift of the Givers kunye nesebe lentlalontle ekuncedeni amaxhoba.
Isithethi soMasipala uMnu Sabelo Ngwenya uthe bakwazama nokulungisa umonakalo owenziwa yile ntlekele kumbane. Zingaphaya kwamakhulu mane (454) ingxaki zombane esele zibikiwe eMonti, eQonce naseMdantsane kwaye bamaxhaphetshu bezama ukulungisa ezongxaki. OkaNgwenya ucele ukuba abahlali babenomonde nanjengoko kusenziwa konke okusemandlelani ukubuyisela imeko esiqhelweni. Amalwandle esi sixeko avaliwe ngenxa yongcoliseko nobungozi neendlela eziliqela zisavaliwe “ulebele watsho okaNgwenya”.