19 EyoKwindla 2024
umfanekiso:GCIS
NguLulama kaSozathini
Amapoliza ambhonzeleke ekhayeni lalowo usisithethi sePalamente uNkosikazi Nosiviwe Mapisa-Nqakula ekuseni namhlanje ezokuqhuba uphando. Oku kwenzeka emva kwezityholo zokuba uNkosikazi Mapisa-Nqakula wanyotywa ngemali engange 2.3 yezigidi zeerandi ngexesha wabe enguMphathiswa weZokhuselo.
Kwintetho yakhe uMapisa-Nqakula uthe uyalwamnkela olugqogqo nolwenziwe ligunyabantu lezotshutshiso ekhayeni lakhe eliseBruma eRhawutini. Isithethi sepalamente uMnu Moloto Mothapo ukungqinile okwenzekileyo watsho esithi uMapisa-Nqakula usamile kwelokuba akanatyala kwaye akanalo nelinye ichaphaza lorhwaphilizo.
Ukanti esi sithethi sePalamente sikwajongene nolunye uphando emveni kokutyholwa ngokuba wanyusa umrholo kanobhala wePalamente uMnu Xolile George ukusuka ku 2.6 Million ukuya ku 4.4 million ngonyaka, oku kwenzeka kwisithuba nje esingangonyaka lo kaGeorge eqeshwe kwesi sikhundla. Kusolwa ngokuba isithethi esi zange silandele imiqathanga efanelekileyo ukunyusa umrholo walo kaGeorge.