Umbhaleli Wethu
29 eyeThupha 2024
Uvuse umnyele umthetho oyilwayo nojongene nokulawulwa kwemiba yonyango lwemveli. Yintlaninge yabanyangi bemveli kweli loMzantsi Afrika abathe baphakamisa ukuba atshikilelwe amasolotya emigaqo nemiqathango ehlonyelwa kumthetho uAct 22 of 2007 nongolawulo lwemiba yonyango lwemveli kweli.
Ngokomyalezo oschicilelwe kumaqonga ezonxibelelwano Umnu Phuthumile Fuyani weTogu Healing Institute uthi “Umthetho lo ubuyiswa ityeli lesibini kuba wakhe waziswa ngaphambili kubanyangi bemveli ngonyaka ka2022 kodwa awamnkelwa wakhatywa, emva ngokufakwa kwezicelo ezichaseneyo nawo kwisebe lezempilo. Amagqirha awali kulawulwa ngokomthetho kodwa oko makwenziwe ngendlela. Asilwi rhulumente koko silwa indlela lomthetho oziswa ngayo kuthi. UFuyani uthi lomthetho uthi amathwasa kufanele ahlawule iwaka leerandi (R1000) yobulungu ngeli lixa abo bathwasisayo kufuneka behlawule amawaka amahlanu (R5000) ngonyaka. Lo mthetho ukwathi ukuze uthwase kumele ube neminyaka elishumi elinesibhozo (18). Lo mthetho ukwaqingqa ixesha ekufuneka umntu elithwasile. Umthetho lo uziswa ngendlela yesikolo engasebenzi ebuGqirheni “Utshilo uFuyani”
Ukanti uMnu Lungisile Nquma noyinkokheli yombutho iNational Unitary Professional Association for African Traditional Health Practitiners of South Africa (NUPAATHPSA) eMpuma Kapa, uthe isebe lezempilo kunye nebhunga lethutyana elilawula imiba yamagqirha kweli, liye labamba iintlanganiso eziliqela ukuzama ukucacisa ngelisolotya lomthetho. OkaNquma uthi bengumbutho bahlala benza iziphakamiso kuMphathiswa obekhona eloxesha uMnu Joe Phahla malunga neendlela ekumele zilandelwa ukulawula imiba yabanyangi bemveli. UMphathiswa akazange azinanze iziphakamiso zabo koko wasuka waqhubekeka nokutyumba ibhunga lethutyana elilawula imiba yamagqirha. Ibhunga elo lethutyana lasilela ukuza kwimibutho nakubanyangi bemveli ukuzazisa ngokusesikweni. Koko lize kuthi sele liphethe amsolotya lawo lifuna kuphawulwe kuwo ngabanyangi bemveli. Lonto ke imibutho iye yayithatha njengokunga xabiseki kuba angekhe lisebenze ngaphandle kwabo babandakanyekayo. Ukwakhiwa kwalemigaqo ingamasolotya ku Act 22 of 2007 khange kube kanti kwenziwe ngendlela nanjengoko singakhange sibizwe siyimibutho. Ngoko siziqonda ncakasana izikhalazo zabanyangi bemveli “Ulebele watsho okaNquma”
Ibhunga lethutyana elijongene nemiba yonyango lwemveli ephondweni lithembise ngokwenza udliwano-ndlebe olugcweleyo nathi kungekudala ukuze likwazi ukunika ingcaciso egcweleyo kulenyewe. Kwelinye icala kulindeleke ukuba abanyangi bemveli eMpuma Kapa babambe umhlangano kwibala i-Dan Qeqe kwisithili saseNelson Mandela ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ukuxovula lomba.