NguLulama kaSozathini
Umfundi-ntsapho ngumzekelo omhle ekukhuthazeni abantwana ukuba bafezekise iminqweno yabo. Kodwa umfundisi-ntsapho ongayiseli so iminqweno yabafundi bakhe, nobuya abaqweqwedise usengamdodobalisa umfundi. Oku kungenza ukuba umntwana angabi namdla kwizifundo zakhe. La ngamazwi kaMongameli Cyril Ramaphosa ngethuba ebethetha kumsitho wokuwongwa kwabafundisi ntsapho abenze kakuhle eKempton Park, kwiphondo iGauteng ngoMqqibelo umhla wesihlanu kweyeDwarha.
Lo msitho wasungulwa ngonyaka ka2000 ngulowo wayesakuba nguMphathiswa wesebe lezemfundo ongasekhoyo uNjingalwazi Kader Asmal, ukuwonga nokukhuthaza abafundisi ntsapho abaqhuba kakuhle kumaziko abo. Umongameli Ramaphosa uthe kuninzi ekusele kwenziwa ukuphucula izinga lemfundo kweli watsho ekhankanya nokuphunyezwa komthetho iBasic education Lawas Amendment Bill (BELA). Amanye amabakala alomthetho akhuthaza ukuphuhliswa nokuqinisswa kwemfundo esi sisiseko “utshilo okaRamaphosa”.
Ukanti lomsitho ukwabanjwe ngokungqameneyo nosuku lokubhiyozela abafundisi ntsapho kwihlabathi jikelele.
@icamagunews